AmaBhokobhoko
athe ngcu phezulu kuPool B emva kokuba ecambalalise AmaTaliyane (
ngamanqaku angamashumi amane anethona kwamathathu (49-3) qha emdlalweni weNdebe
yeHlabathi oburhabaxa eShizouka Stadium, eJapan, emini namhlanje. Ukudlala kakuhle
koMzantsi Afrika kulandela ngqo emva kokuba uvuthulule iNamibia ngo’57-3 kwiveki
ephelileyo. Amakhwenkwe kaRassie Erasmus ayibeke endaweni yayo i-Italy egqibe
umdlalo ngaphandle komdlali omnye ngenxa yokudlala kakubi. Abadlali abancede
uMzantsi Afrika kwicala lokulala emgceni: ngumdlali oyingozi kakhulu uCheslin
Kolbe (kabini), uBongi Mbonambi, uLukhanyo Am, uMakazole Mapimpi, uRG Snyman
noMalcolm Marx.
Ngexesha lokuphumla,
AmaBhokobhoko ebephala phambili ngo’17-3 – kanti wona ngelo thuba AmaTaliyane
ebesele enomdlali okhutshwe ngekhadi elibomvu kakade. Lo nto iwachanile kakhulu
ngoba adibene noMzantsi Afrika obuzimisele ukuzibekela indawo kumjikelo
olandelayo phambi komdlalo [wawo uMzantsi] olandelayo kaPool B. Isitshovutshovu
soMzantsi Afrika, uHandre Pollard, siqabelise ibhola edale imbali entsha
kwikhono laso lombhoxo. Ngoku amanqaku awaqokeleleyo uPollard angamakhulu amane
kwimidlalo yovavanyo. Oyena mdlali othe waqaqamba yingqungqumbana ebikade
idlalela iBlitzBokke, uCheslin Kolbe, olele emgceni kabini. Njengokuba uMzantsi
Afrika uza kudibana neCanada emdlalweni olandelayo ngoLwesibini weveki ezayo,
uErasmus uthi iqela lakhe ngeke lilisuse inyawo emcepheni.
African News Agency (ANA)
Meta AI, wamkelekile kwikhaya lethu lesiXhosa!