Isifundiswa sithi “akukho nto igwenxa” ngephekepheke likaGrade 9

South Africa - Pretoria - 5 April 2019 - Minister of Basic Education, Angie Motshekga during the launch of the Textbook Evaluation report of the ministerial task team. Picture: Jacques Naude/African News Agency(ANA)

Umhlohli ophezulu kwicandelo lezifundo zokuphendla ikamva neengcingane (Futures Studies) kwiYunivesithi yaseStellenbosch, uGqr. Lize Barclay, uthi akukho nto igwenxa ngokukhutshwa kwesiqinisekiso (certificate) sikaGrade 9. 

Isiqinisekiso sikaGrade 9, okanye uStandard 7 ngexesha lakudala, sibhengezwe nguMphathiswa weMfundo eSisiseko uAngie Motshekga ukuba linyathelo elijolise ekuhlangabezaneni nombandela wabafundi abayeka esikolweni bengafikanga kuGrade 12. 

Abanye abantu bebekhalaza besithi eli nyathelo likaMotshekga liza kuthoba umgangatho wezemfundo logama abanye bekwamkele ngelithi oku kuza kuncedisa ukonyusa izinga labantu abanezakhono. 

UBarclay wenze umzekelo ngeYurophu neAsia, esithi imfundo yala mazwekazi kudala iyisebenzisa inkqubo efana nale ipapashwe nguMotshekga. 

“Kulo mazwekazi (eYurophu naseAsia) imfundo yahlulwe kathathu, iPrimary, iLower Secondary kwaneUpper Secondary. NgokweLower Secondary kulapho ubani aphumelela uGrade 9 ze aye kwiikholeji zoqeqesho. 

“Izakhono ezifuneka kwiindawo zengqesho ziquka ukwazi ukusombulula iingxaki, ukuzikisisa ukucinga kwanokusebenzisana nabanye abantu. Ezi zakhono azifumaneki esikolweni, nditsho nkqu nakulo Grade 10 ukuya kuGrade 12,” kutsho uBarclay. 

UBarclay uthi iinkampani ezinkulu zehlabathi ezifana noGoogle noApple azifuni sidanga seyunivesithi ukuze ubani asebenze kuzo, into efunekayo zizakhono. “Iinkampani zaseMzantsi Afrika zisarhuqa emva kuba zifuna isidanga saseyunivesithi ukuze ziqashe abantu, into ebangela ukuba zibesemva ngokwezakhono zoshishino,” utshilo uBarclay.