AmaBhokobhoko azuze iwonga elibalulekileyo

USiya Kolisi noogxa bakhe besamkela iwonga lakwaLaureus emsithweni obubanjelwe eBerlin kwelaseGermany ngorhatya ngoMvulo wale veki.

Ekuqaleni kwale veki, uSiya Kolisi, wamkele elinye iwonga elibalulekileyo emva kokuba AmaBhokobhoko evotelwe njengelona qela elithe lagqwesa kunyaka ophelileyo.

Esamkela iwonga leLaureus Award emsithweni obusingathwe yiLaureus kwiholo laseBerlin, eJamani, uKolisi ubalule ubumbano njengeyona nto eyathi yanceda iqela lesizwe kwiNdebe yeHlabathi.

UMzantsi Afrika ziintshatsheli zehlabathi embhoxweni emva kokuba wabetha iNgilane ngo’32-12 emdlalweni omkhulu eYokohama, eJapan, kwinyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo.

Ibikokokuqala uMzantsi Afrika uphumelela iNdebe yeHlabathi unenani elibonakalayo labadlali abamnyama.

Lo nto yenziwe nguRassie Erasmus obengumqeqeshi ngoko ecangcatha kumgaqonkqubo welizwe okhuthaza ukunikwa kwabadlali abamnyama amathuba afanayo nawabamhlophe.

“Ukugqwesa kwethu kwiqonga lehlabathi yinto ebuguquleyo ubomi babantu ngendlela urhulumente nabakwezopolitiko abangenakukwazi ukuyenza,” utshilo uKolisi evula intetho yakhe eBerlin.

Impumelelo yeqela lesizwe yaba yinto enkulu kakhulu ebantwini baseMzantsi Afrika, abamnyama nabamhlophe, kwaye ibe nomthelela omkhulu nasekuwongweni kweqela.

AmaBhokobhoko ebekhuphisana neLiverpool, iqela lakwaMercedes emidlalweni yeemoto, iqela lesizwe lamanenekazi ebhola ekhatywayo aseMelika awaphumelela iNdebe yeHlabathi neqela lesizwe laseSpain leBasketball.

“Sineengxaki ezahlukeneyo kodwa ngenxa yokuthanda kwethu umbhoxo, sagqiba kwelokuba sibumbane ukuze sikwazi ukulwelana ngoba ilizwe lethu belixikixwa zizidubedube kunyaka ophelileyo. Injongo yethu ephambili kwitumente yehlabathi yayikukuqhuba kakuhle emdlalweni esiwuthanda sonke. Siye safumana into engaphaya kwaleyo ngoba impumelelo yethu ayihlanganisanga abantu nje kuphela, ikhuthaze nabantwana abasakhulayo abanamaphupha,” utshilo uKolisi.

“Nomntwana waselokishini oya esikolweni ngeenyawo nongenako ukutya uyazi ukuba angayinkokeli yeentshatsheli zehlabathi embhoxweni. Oogxa bam babexelelwa besebancinane okokuba ngeke baphumelele, bakwazile ukuyoyisa lo nto,” uvale ngaloo mazwi uKolisi.