AmaCentane abavale imilomo abantu baseDutywa namhlanje

Amahashe aphuma kwiidolophu zeMpuma Koloni ebekhuphisana kwiNgumbela Horse racing namhlanje kwilali yakuBomela, eDutywa. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Emva kwexesha elide ihashe laseDutywa, u-Andazi, ligqugqisa kuyo yonke iMpuma Koloni, namhlanje izinto ziye zajika ngethuba lishiywa lihashe lakuCentane elibaleka kakhulu – uKugqityiwe. UKugqityiwe ushiye izihlandlo ezibini namhlanje u-Andazi kwiNgumbela Horse Racing ebixhaswa nguMbhashe Municipality. Amahashe aphuma kwiidoluphu zeli phondo ebedibene kwilali yakuBomela – apho uKugqityiwe (igama lehashe eliphumeleleyo) lo obeqatyelwe nguThando Bhurhu uyophuma entanjeni ebethwa ngumoya namhlanje. Lo nto ibancithile kakhulu abalandeli bakhe u-Andazi ongakuqhelanga ukushiywa. UBhurhu nehashe lakhe bagoduke nesityhwentywe semali engamashumi amabini amawaka erandi (R20 000). Ingomso Alaziwa – ihashe elibambe indawo yesibini – lifumene ishumi lamawaka erandi (R10 000) yaze indawo yesithathu yabanjwa ngu-Andazi ofumene amawaka amahlanu erandi (R5 000).

Imidyarho yamahashe yeyona inomtsalane kakhulu ezilalini, nakulo wanamhlanje abantu bebephume ngendlu kwaye bebevuma ingoma ngelibonakalisa inkxaso nokuwathemba amahashe wabo. Nangona kungekho mali ingako idlalelwayo kwimidlalo yesiqhelo emakhaya – kodwa lowo uthe waphumelela uthetha kuviwe ngaye. Namhlanje AmaCentane abavale imilomo abantu baseDutywa abaye kulo mdyarho bezixelele ukuba kuza kuphumelela ihashe labo. Umsitho wamahashe ubumhle kakhulu nakubeni bekukho ingqele eqhaqhazelisa amazinyo. Le tumente yamahashe livelatanci eleza nosomashishini odume ngokunceda abantu – utat’uNgumbela.

Pedro Mapelo's photo.

Namhlanje bekugqityezelwa emva kokuba lo mdyarho wayekwa phakathi ngenxa yexesha kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo – kodwa ngaphandle kwamathandabuzo ngowona mdyarho obemkhulu nakwicala lomgangatho nohambe ngaphandle kwamagingxi-gingxi apha eMpuma Koloni. Phakathi kweendwalutho ebezizimase lo msitho ziquka uBawo uNgumbela ngenkqu, uMphathiswa uSenzeni Zokwana, uSodolophi waseMbhashe, uSamkelo Janda, uMphathiswa weZemidlalo noLonwabo, uPemmy Majodina, nabanye abaninzi. UMaojida ebekhona nangona ejingxela emva kokonzakala eqatheni.

“Le yinkqubo entle kakhulu le. Siyayithanda siyayixhasa ngoba iphuhliza ezemidlalo emakhaya ngakumbi ulonwabo. Imidyarho yamahashe yenye yezinto eyayikho kwamandulo. Kuhle ngoba amahashe adibanisa abantu ndawonye futhi uxasha ziintsapho zamakhaya ngokwahlukana kwawo,” utshilo uMajodina.

“UNgumbela uwubamba okwesibini lo mdyarho ngoba ufuna athi esiya kwiBerlin November la mahashe abe eyilungele ngokupheleleyo. Ihashe lalapha u-Andazi lilo elenza utat’ uNgumebla enze le nto. Siyayibulela inkxaso esiyifumene. Namhlanje ndizojonga ukuba zintoni esinokuziphuhlisa apha kwiidyokhi,” utshilo uMajodina.