Amagqabantshintshi ezemidlalo

Ekugqibeleni, iBaroka ide yafumana isisombululo kumba obuphakathi kwayo noJacob Sakala nesekela mqeqeshi lakhe * -Edward Williams.

La madoda omabini aqeshwa yiBaroka ekuqaleni kwalo nyaka – kodwa zathi izinto zakungahambi kakuhle, banqunyanyiswa. Emva kokumangala kwawo la madoda kwiPSL, ingxaki isonjululwe.

Abaqeqeshi bazakufumana imali yabo yenyanga enye. Emva kokusinda cebeshu ezembeni, ngoku iBaroka iqeqeshwa nguKgoloko Thobejane xa ivula isizini nePolokwane City ngoMgqibelo, ePeter Mokaba Stadium.