Amakhosi agolozelwe siStellies, incumile kodwa yona iPirates

Agoduke egoqoza nenqaku elinye Amakhosi agolozelwe siStellenbosch emdlalweni weDstv Premiership ophele iliqanda macala (0-0) eDanie Craven Stadium ngokuhlwa kwanamhlanje. IKaizer Chiefs iye eNtshona Koloni ikhangela impumelelo yesine emva kokuphumelela imidlalo emithathu ilandelelana. Iphelile loo damsese yeChiefs emva kokugolozelwa siStellies emdlalweni obutaka iintlantsi eDanie Craven.

Noxa amaqela omabini eleqene kwisigaba sokuqala – kodwa khange kubekho mathuba amaninzi kakhulu avelayo emdlalweni macala omabini. Zijikile izinto kwisigaba sesibini, iSamir Nurkovic noNkosingiphile Ngcobo bazamile ukudala amathuba emdlalweni – kodwa abadlali beStellenbosch ibivale mba emva. Umqeqeshi weStellies, uSteve Barker, ukhale ngamathuba amabini angasetyenziswanga ngabadlali bakhe. Ukuba bebekwazile ukufaka igowuli, izinto ngeziguqukile emdlalweni.

Kwelinye icala, abalandeli be-Orlando Pirates bade bancuma nabo emva kwexesha elide bezizigculelo zokuncithwa kumakhasi onxibelelwano. IPirates ibuyele eGoli iphethe amanqaku amathathu onke emva kokubetha iMaritzburg United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obuseHarry Gwala Stadium ngorhatya namhlanje.

Igowuli ephumelele ngalo iPirates lifakwe nguDeon Hotto onikelwe ibhola entle nguBongani Sam. Noxa ibidlalela ekhaya iTeam of Choice – kodwa ayikwazanga ukudala amathuba acacileyo nokudlala njengeko iqhele ukwenza xa idlalela kowayo. Inyukele kwindawo yesine iPirates emva kokuzuza impumelelo yesibini yayo kulo nyaka emva kwemidlalo emithandathu eyidlalileyo. Yona iMaritzburg United ihleli kwindawo yesithathu ukusuka ekugqibeleni, inamanqaku alithoba qha kule sizini.

Stellies: Langeveldt, Van Heerden, Johannes, Robertson, Mthethwa, Van Rooyen, Nange, Sinkala, Du Preez, Dimgba, Mendieta.

Amalalela: Stephens, Adams, Scott, Bergman, Brenner, Msengi, Macheke, De Goede, Skelem.

Chiefs: Akpeyi, Ngezana, Zulu, Mathoho, Cardoso, Akumu, Matsheke, Mashiane, Nurkovic, Manyama, Ngcobo.

Amalalela: Bvuma, Moleko, Castro, Baccus, Frosler, Sasman, Kambole, Blom, Sifama.