Amakhosi ahlazwe ziidyongo kwakhona kwiNedbank Cup!

Iintliziyo zaMakhosi zichontsisa igazi emva kokuhlazwa ziidyongo kwiNedbank Cup. Amakhosi aguqiswe phantsi yiRichards Bay, edlala kwiGladAfrica Championship, ngo’2-1 emdlalweni obutaka iintlantsi eFNB Stadium emalanga namhlanje. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iRichards Bay ihamba phambili ngegowuli elinye elifakwe nguThabani Dube. Ibhola ifakwe ngentloko, uDaniel Akpeyi uphume ezipalini – kodwa akakwazi ukuyibamba.

Abadlali beRichards bebezimisele kwa kwisiqingatha sokuqala. Bakwazile ukungena emhlabeni weChiefs futhi bakwazi ukudala amathuba. Noxa iKaizer Chiefs ibidlala futhi isiya phambili – kodwa umdlalo wayo ubungadibani kakuhle. USamir Nurkovic uzamile ukusebenzisa ithuba elinye ebelivelile – kodwa unozinti weRichards Bay, uMalcolm Jacobs, ebethe qwa ezipalini.

Phambi kokuqala kwesesibini isiqingatha, uGavin Hunt wenze iinguqu ezitshintshe indlela iChiefs edlale ngayo. Ngokwenene umdlalo wayo uye waphucuka. Izinto ziye zamoshakala kodwa ngethuba uSiphosakhe Ntiya-Ntiya ekhutshwa ngekhadi elibomvu emva kokukhaba kakubi umdlali weRichards Bay. ULeonardo Castro ufake igowuli lokulinganisa sekungaseni kwisigaba sesibini.

Igowuli linike iChiefs amandla okuya phambili – kodwa ibhola ibingakwazi ukuyisebenzisa phambi kweepali. Khange ibatyhafise lo nto abadlali beRichards Bay. Ukuzama kwabo kuye kwazala amathokazi ngethuba uSiyabonga Vilane efaka ibhola ebibethe epalini okhatywe nguBeyzel Goldstone. Elo gowuli lifakwe sekuphela ixesha elongezelelweyo likasompempe. Yaba sisiphelo seChiefs kwiNedbank Cup ebinethemba lokuqhuba kakuhle kuyo.

Chiefs: Akpeyi, Moleko, Cardoso, Akumu, Ntiya-Ntiya, Matsheke, Mashiane, Ngcobo, Ntshangase, Parker, Nurkovic.

Amalalela: Bvuma, Katsande, Castro, Manyama, Zuma, Frosler, Sasman, Blom, Radebe

Richards Bay: Jacobs, Maphathe, Mabua, Zulu, Dube, Mtolo, Mayo, Bakah, Ntsundwana, Mthembu, Ogbonna.

Amalalela: Mpakumpaku, Vilane, Goldstone, Mabuya, Zwane, Radebe, Mcineka, Ndlovu, Maphakisa.