Amakhosi ayophisa emva kokonzakaliswa nguJudas Moseamedi emdlalweni weTelkom Knockout!

Judas Mosemaedi of Maritzburg United challenged by Yagan Sasman of Kaizer Chiefs during the 2019 Telkom Knockout Semi Finals match between Kaizer Chiefs and Maritzburg United at Mbombela Stadium, Nelspruit, on 24 November 2019 Samuel Shivambu/BackpagePix

Iphose ithuba
lokufumana indebe iKaizer Chiefs emva kokukhutshwa kwiTelkom Knockout. Amakhosi
ayophisa namhlanje emva kokonzakaliswa kakubi nguJudas Moseamedi emdlalweni
abethwe kuwo yiMaritzburg United ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) eMbombela
Stadium. Okokuqala kukhuphiswano leTelkom Knockout, iTeam of Choice iya
emdlalweni wamagqibelakankqoyi. UMoseamedi ebezityela itheko namdlalo ngenxa
yokungadibani komdlalo weChiefs emva. UDaniel Cardoso ngoyena mdlali obelikroba
kwaye nabadlali beMaritzburg bebesebenzisa yena ngoba ebeshiywa nguJudas
ngamendu. Bekufanele ukuba iMaritzburg United iphumelele ngamagowuli amaninzi –
kodwa uBruce Bvuma, owenze umsebenzi oncomekayo, khange avume kwizigaba
zozibini zomdlalo. Amathuba adalwe liqela lika-Eric Tinkler ebemaninzi kakhulu,
into engakwazanga ukuyenza, kukuwasebenzisa kakuhle.

Ukungabikho
kwabadlali abafana noWillard Katsande, uDaniel Akpeyi noKhama Billiat kunike
abadlali abafana noReeve Frosler, uKearyn Baccus noBruce Bvuma ithuba lokuqala
umdlalo. Emva kokuxhokonxa amatyeli aliqela, uJudas Moseamedi ubhakuzelise
umnatha emva kokuba uCardoso engakwazanga ukukhaba ibhola kakuhle. Idlale umdlalo
osemgangathweni ophezulu iMaritzburg United isebenzisa uKeagan Buchanan
noMxolisi Kunene esiswini. Namhlanje
ayidlalanga umdlalo ocacileyo iChiefs – kodwa kubekho ukuphucuka okubonakalayo
emva kokungena kukaDumisani Zuma endaweni kaBaccus obekhe akadlala ngenxa
yokonzakala. Igowuli leChiefs lifakwe nguYagan Sasman emzuzwini wamashumi
asixhenxe anesibhozo. UJudas uyigqoboze iChiefs ingalindelanga emva koko
yaphumelela iMaritzburg United eza kudibana neMamelodi Sundowns emdlalweni
wokugqibela eMoses Mabhida Stadium ngomhla weshumi elinesine kwinyanga ezayo.

Chiefs: Bvuma, Frosler, Cardoso, Sasman, Blom, Parker, Baccus,
Maluleka, Manyama, Castro, Nurkovic.

Amalalela: Petersen, Gordinho, Zuma, Kambole,
Ntiya-Ntiya, Zulu, Ngcobo.

Maritzburg: Ofori, Morgan, Kunene,
De Reuck, Allie, Sanoka, Buchanan, Claasen, Lea’Alafa, Timm, Moseamedi.

Amalalela: Mpandle, Sangweni, Jappie, Shandu,
Kutumela, Brockie, Mekoa.