Amakhosi ayophisa emva kokuquthiswa yiChippa United ebaleka izembe!

Abadlali beChippa United bevuyela igowuli abalifumene bedlala neKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership namhlanje. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amakhosi ayophisa emva kweentsuku ezimbalwa ebethe iMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obusePitoli. Namhlanje emalanga, agqejwe olungophiyo Amakhosi ngethuba equthiswa yiChippa United ezama ukubaleka izembe ngo’1-0 emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eFNB Stadium.

Emva kwexesha elide kungekho gowuli emdlalweni, uBienvenu Eva Nga ungene wafaka igowuli ephumelele ngalo iChippa United. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. IKaizer Chiefs ibilelona qela elinamandla kakhulu kwisigaba sokuqala. Yiyo ebihlasela kakuhle futhi inawo namathuba.

IChippa khange izihluphe kakhulu ngokufuna ukugcina ibhola kuyo, into eyenzileyo kukuqinisekisa ukuba ivala onke amazibuko. Kungenwe kwisigaba sesibini somdlalo isantya somdlalo sisephezulu. Okuye kwahluka kukuba nayo iChippa United ibizimisele futhi ibisiya phambili ngokuzithemba emva kokuyifunda iChiefs kwisigaba sokuqala.

Unozinti weChippa, uRashid Watenga, ngoyena obexakekile ngaphezulu kuka-Itumeleng Khune emdlalweni. UDumisani Zuma noNkosingiphile Ngcobo ngabadlali abebethande ukuba yinkathazo kwiChippa elwileyo kakhulu emva.

USamir Nurkovic noReeve Frosler bazamile ukuwutshintsha umdlalo ekungeneni kwabo – kodwa akukho nto eyizuzileyo iChiefs. Kuthe xa kushiyeke imizuzu emithandathu, uBienvenu Eva Nga, ongene kwisigaba sesibini somdlalo, ufake igowuli emva kwempazamo eyenziwe ngu-Eric Mathoho ongqube ibhola cancinci.

Le yimpumelelo yokuqala yeChippa United kwiDStv Premiership emva kweshumi elinanye lemidlalo. Komnye umdlalo: iTshakhuma Tsha Madzivhandila, ezama ukuphepha izembe njengeChippa United, ibethe ngegowuli elinye iBloemfontein Celtic emdlalweni wanamhlanje.

Kaizer Chiefs: Khune, Cardoso, Mathoho, Ngezana, Zulu, Blom, Parker, Ngcobo, Manyama, Zuma, Castro.

Amalalela: Akpeyi, Katsande, Mphahlele, Nurkovic, Baccus, Kambole, Sasman, Frosler, Mashiane.

Chippa United: Watenga, Nsabiyumva, Mobbie, Lebitso, Hanamub, Mthethwa, Sibeko, Kwem, Mokhele, Mdlinzo, Lentjies.

Amalalela: Nhlapho, Maloisane, Mtshali, Sekotlong, Sangweni, Phewa, Bienvenu, Booi, Jodwana.