Abuyela eMbhashe kwakhona amanqindi kule mpelaveki. UMbhashe Municipality ebambisene ne-Isizwe Boxing Promotions uza nengxikela yetumente yamanqindi emini ngoMgqibelo.
Itumente iqulathe imilo elishumi elinanye yeembethimanqindi eziphuma eMpuma Koloni naseNtshona Koloni, umlo ophambili uzakube uphakathi kukaMbulelo Nxazonke waseLady Frere noDalisizwe Komani waseKapa.
Ezi mbethimanqindi ziza kulwa kwimijikelo emithandathu kudidi lweFlyweight. Umlo omijikelo emithandathu wokugabula izigcawu uphakathi kukaPhila Gola noSimphiwe Ntsangani kudidi lweFeather weight.
Umququzeleli weIsizwe Boxing, uNtsikayezwe Sigcawu, uthi unethemba lokuba imilo iya kutsala umdla wabantu kwiphondo lonke.
“Sinethemba lokuba abathandi bamanqindi baza kuza ngobuninzi kule tumente,” utshilo uSigcawu.
UMawande Mbusi uza kulwa noSakhumzi Ngqakata; uHlanga Kanzi uza kunkulana noSimphiwe Mayeza – yomibini imilo yeyodidi lweFeatherweight.
UYamkela Phaliso waseMdantsane ulwa noAnele Ntsondo waseKapa; uThembani Okolo waseBhayi uthathana noMzamo Makeleni waseDuncan Village; uThandolwethu Hlangani waseMdantsane udibana noNdikho Magadaza waseCawa; uPhumelela Cafu waseDuncan Village udibana noPhumelele Maqolo waseDimbaza; uSolwethu Sithupha waseMthatha ulwa noMzukisi Mthalane waseKapa; uGoven Nkwenteni waseKomga ulwa noAsandiso Mancapa aze uUnathi Mndwana wakuCofimvaba alwe noTembani Semayi waseDuncan Village.
Ayakhala amafama aseMelika ngesigqibo sikaTrump