Amapolisa adibanise ulutsha ngemidlalo eMdantsane

Kwiveki ephelileyo, iTexas ibethe iCosmos ngo3-1 kumdlalo wetumente ebiququzelelwe ngamapolosa aseMdantsane Umfanekiso: uthunyelwe

Abantu abatsha abaqikelelwa ngaphaya kwamakhulu amabini bonwabele imidlalo ebi ququzelelwe ngamapolisa aseMdantsane kwiveki ephelileyo.

Ngokubambisana namapolisa asekuhlaleni, umbutho ozimeleyo, iBele lezeMfundo neStar Bread – amapolisa aseMdantsane, adibanise abantu abatsha kwiinzame zawo zokuqinisa intsebenziswano nokubonisa abantwana indlela elungileyo yokuphila ngemidlalo entlobontlobo ebibanjelwe kwisikolo ekuthiwa yiWongalethu High School kwaNU2. Phakathi kwemidlalo abantwana abakhuphisene kuyo yibhola ekhatywayo, amanqindi, umbhoxo nebhola yomnyazi.

Emva kwemidlalo eliqela kwibhola ekhatywayo, iqela lasekuhlaleni lamakhwenkwe asemancinane, iTexas, ligoduke livuyela indebe eliyifumeneyo emva kokubetha iCosmos ngo’3-0 kumdlalo obunzima kakhulu.

Imidlalo yasekuhlaleni isoloko inzima ngenxa yokhuphiswano phakathi kwabantu abahlala kwiindawo ezisondeleneyo – nomdlalo obuphakathi kweTexas neCosmos ubungohlukanga.

Kwibhola yombhoxo, impumelelo izuzwe yiHurricanes ebethe iSpringrose ngo’10-0. Kanti wona amantombazana weTexas kumnyazi avuthulule iRising Stars ngo’29-1.

Emanqindini, atsale umdla wabantu abaninzi, inkwenkwana eselula ekuthiwa nguAsakhe Namba uye wayintshatsheli emva kokubetha uSiphelele Khuse kumlo obumhle kakhulu.

Isithethi samapolisa aseMdantsane, uKapteni uNkosikho Mzuku, ubalisele I’solezwe lesiXhosa ngokubaluleka kokuqokelela nokunika ithuba lokuzibonakalisa kolutsha emidlalweni.

“Kubalulekile kakhulu ukubandakanyeka kwabantwana emidlalweni ngoba bafumana ithuba lokuziqaqambisa izakhono zabo. Siza nemidlalo enje sisazi ukuba asenzi njalo – izinto ezimbi zingabaqwenga aba bantwana bese bancinane. Sivuye kakhulu xa sibona abazali babo bezo kubabukela. Njengokuba izikolo zivaliwe, sizimisele ukuza neenkqubo ezinokuthi zibabhekelise abantwana ebundlobongeleni,” utshilo uMzuku.