“Angasenzakalisa AmaBhoko-bhoko” – Kaino

Umdlali ophambili weNew Zealand, uJerome Kaino, uthi abazimiselanga kuwathatha kancinci Amabhoko-bhoko xa la maqela edibana kumdlalo wovavanyo ngempelaveki.

Oku kuthethwe nguKaino phambi komdlalo ekulindeleke unike umdla ophakathi koomakad’ ezondana eChristchurch ngoMgqibelo. Iqela lesizwe loMzantsi Afrika liya kulo mdlalo liqhwalela emva kokubethwa ziiPumas neeWallabies imidlalo ilandelelana.

Zona i-All Blacks ziya kulo mdlalo imimoya iphezulu ngoba ziyiphumelele yomithathu imdlalo yazo edlulileyo. Lo kaKaino uthi i-Argentina iphantse yabonzakalisa eHamilton kwiveki ephelileyo kwaye lo nto izakubangela banyuse umxakatho xa bedlala naMabhoko-bhoko. “Xa sidlala neBoks iba ngumlo. Bazakufuna ukufumana impumelelo apha kuthi,” utshilo uKaino.

Kuyanyanzeleka uMzantsi Afrika uphucule indlela odlala ngayo kulo mdlalo wempelaveki. Isekela mqeqeshi, uJohann van Graan, uthi bazimisele ukusebenzisa amandla wabo ukuze bafumane impumelelo.