Baphelelwe lithemba abalandeli beChiefs emva kokulahla amanqaku

Mabhuti Khanyeza of AmaZulu challenged by Philani Zulu of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2017/18 match between Kaizer Chiefs and AmaZulu at FNB Stadium, Johannesburg on 17 March 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Iintliziyo zabalandeli beKaizer
Chiefs zichontsiza igazi emva kokuba iqela labo loyiswe kukuphumelela umdlalo.
Amakhosi adlale ntanganye naMaZulu ngo’0-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer
League obunenqwaba yamathuba eFNB Stadium ngorhatya namhlanje. Ukungaphumeleli kwayo
iChiefs kunciphise ngakumbi amathuba [wayo] okuvala umsantsa ophakathi kwayo
neMamelodi Sundowns ehleli phezulu nokuphumelela indebe yePSL kule sizini. Iqela
ebelindwendwele lizicacise iinjongo zalo kwangoko emdlalweni. Umdlali ohlaselayo,
u-Ovidy Karuru, owayedlalela iChiefs ngaphambili, ebezimisele ukwenza izinto ezibukwayo
emdlalweni – kodwa amathuba awafumeneyo kwimizuzu yokuqala emdlalweni
akawasebenzisanga kakuhle.

Umdlalo weqela likaSteve
Komphela uye waphucuka emva kwamashumi amabini emizuzu kwisigaba sokuqala. Njengoko
bekulindelekilekile, Amakhosi ebexhomekeke kakhulu kwiibhola ezigotywa
nguRamahlwe Mphahle obenomdlalo omhle kakhulu namhlanje. UTeenage Hadebe,
odlala emva noCardoso, uphantse wabuya negowuli ngentloko – kodwa unozinti
woSuthu, u-Energy Murambadoro, uqinisekise ukuba akukho bhola ijikela emva
kwakhe. Kuyiwe kwixesha lokuphumla enkonye iqanda macala. Kwisigaba sesibini
iChiefs idale amathuba aliqela – kodwa akukho nelinye ekwazileyo ukulisebenzisa
koyena mdlalo ebekunyanzelekile ukuba iwuphumelele.

Nawo AmaZulu adlale kakuhle
emva, naphambili umdlali osemncinane uSiyethemba Mnguni noKaruru bebethe gqolo
beyihlasela iChiefs emva ekwazileyo ukuvala kwade kwase kugqibeleni. UKomphela ukhuphe
uBernard Parker noPhilani Zulu, kwiindawo zabo kungene uRyan Moon noHendrick
Ekstein. Lubekhona utshintsho – kodwa into engakhange ibekho ligowuli. Indlela
adlale ngayo AmaZulu emdlalweni ibicacile ukuba akazimiselanga kuphethwa. Yiyo
lo nto ukugoduka nenqaku elinye ingeyolahleko kuwo. Anciphe kakhulu amathuba
weChiefs okuphumelela indebe yePSL emva kokulahla amanqaku emdlalweni
wanamhlanje.

 

Kaizer Chiefs: Khune, Cardoso, Mphahlele, Hadebe, Zulu,
Molangoane, Katsande, Meyiwa, Tshabalala, Parker, Castro.

Amalalela: Khuzwayo,
Mathoho, Ekstein, Moon, Jayiya, Zuma, Ntshangase.

AmaZulu FC: Murambadoro,
Sikhakhane, Mabiliso, P. Gumede, Gumede, Ouro Akoriko, Ncube, Mguni, Cele,
Karuru, Khenyeza.

Amalalela: Pule,
Nyongo, Lumkwana, Ncobeni, Ramphele, Abraw, Nomvethe.