Batyunjwe yiCAF abadlali bePirates

Ifolosi ye-Orlando Pirates uThamsanqa Gabuza uthi uchulumancile kukutyunjwa kwakhe kwimbasa yeCAF yomdlali wonyaka obalaseleyo, kunye nabadlali beqela lakhe uKermit Erasmus, Oupa Manyisa kunye noFelipe Ovono.

Esi sine sabadlali silincede kakhulu eli qela ukuba lifikelele kumagqibela-kankqoyi e-CAF, uGabuza kunye no-Erasmus ngamnye kubo ufake amagowuli amahlanu kolu khuphiswano. UManyisa yena ebeyi kapteni yeliqela, edlala esizikithini sebala phambili kokuba enzakale emlenzeni, * -Ovono yena uqwalaselwe ngendima athe wayidlala kwiqela lase Equatorial Guinea kwimidlalo ye-Afcon ngoFebruwari.

“Liwonga ngenene ukutyunjwa kunye no-Erasmus. Kungaba kuhle kakhulu ukuba sinyamezele kude kube sekupheleni,” ubhale njalo uGabuza kwikhasi lakhe likaTwitter.

“Asijonganga phezulu kakhulu kodwa. Sizama ukuzithoba kwaye siyeke indlela esidlala ngayo isithethelele.”

U-Erasmus yena wongeze ngelithi: “Intle kakhulu kuthi singabadlali into yokutyunjwa kula mawonga ingakumbi kweli nqanaba, kuba ithetha ukuba uqhuba kakuhle.”