Bazimisele abantwana ekudadeni noxa betsala nzima

Iindadi zeqela ekuthiwa nguMdantsane Swimming Club phambi kokuthatha inxaxheba kwitumente ebibanjelwe eVincent kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Nangona abantwana baseMdantsane bezimisele ukuba ziindadi zangomso – kodwa bajongene nobunzima ngenxa yokungabikho kweendawo abanokuthi bazilolongele kuzo.

Oku kuvele ngethuba intatheli yeli phephandaba incokola nesikhulu seqela elizimisele ukuvelisa iindadi eMdantsane ezakuthi zimele uMzantsi Afrika emidlalweni ye-Olimpiki kwiminyaka ezayo.

Abantwana boMdantsane Swimming Club bebencedwa yiMotion Fitness Gyme ephaya eMdantsane – kodwa bayadinga ngoku njenokuba ivaliwe ngenxa yokungabhatali kwayo imali yerenti.

Noxa kunjalo, umoya wabantwana ubuphezulu ngethuba bethatha inxaxheba kwitumente ebibanjelwe eVincent kwiveki ephelileyo.

Abantwana beli qela baphuma kwizikolo zaseMdantsane kwaye baphantsi kwesandla esinenkathalo sikaNksz.

uRonnie Gubevu – owa evuka nabo abantwana ngenxa yentshisakalo yokufuna ukuvelisa iindadi zangomso eziphuma ezilokishini zabantu abamnyana abangaqhelanga kufumana amathuba.

I’solezwe lesiXhosa lincokole neendadi zeqela laseMdantse phambi kokungena emanzini kwitumente ebibanjelwe eVincent kwimpelaveki edlulileyo.

UMiso Vandana, 13, uthe uzimisele ukuqhubela phambili nokuzibandakanya emdlalweni wokudada ngoba urhalela ukuya kwamanye amazwe.

“Ndiqale ukudada ngo-2018 phaya eMotion Fitness. Kumnandi ukudada ngoba kusifundisa izinto ukuhlonipha wonke umntu; okwaziyo ukudada nongakwaziyo. Ndirhalela ukuya kwamanye amazwe ukuze ndikwazi ukukhuphisana nabanye abantu,” utshilo uVandaba.

Yena * -Asange Mabhentsela, 13, ufuna ukuqokelela iimbasa atyelele namanye amazwe. “Ndiqale ukudada kunyaka ophelileyo. Ndiyayithanda le nto siyenzayo ngoba isifundisa ukuhlonipha, isifundise nokugcina imizimba yethu iphilile.

Ndirhalela ukuya kwamanye amazwe afana nooSpain – apho ndinokukhuphisana nabanye abantu ndibuye neembasa.

UZizibele Jafter, 13, unonyaka omnye edada. “Ukudada kumnandi ngoba kugcina umzimba wakho usempilweni.

Ngokufunda ukudada, ngoku ndingamhlangula nomntana endimbona etshona ongakwaziyo ukudada.

Ndirhalela ukuhamba ihlabathi lonke mna ndidada ndivule nelam iqela leendadi,” utshilo uJafter. Indadi ebuye nembasa yeBronze ibe ngu-Onika Majaja kwitumente yeveki ephelileyo.