Dan: Siqule saligangatha kwiChippa

Inye into efunwa liqela laseMpuma Koloni kule sizini, kukuba phakathi kwamaqela aphambili asibhozo kwiPSL njengokuba isiya ekupheleni.

IChippa United ithi izakuqinisekisa ukuba igalel’ebhayini amanqaku avakalayo ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba iyaphumelela ukungena kuluhlu lwabaphezulu, abaza kuzibekela indawo kwitumente yeMTN 8 ekuqaleni kwesizini ezayo.

NgoLwesithathu ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe, iiChilli-boys ziqubisana nezangxa zaseSoweto, i-Orlando Pirates kumdlalo we-Absa Premier Soccer League eNelson Mandela Bay Stadium.

Ethetha kwintlanganiso noonondaba ngoMvulo, umqeqeshi oyintloko kweli qela uDan Malesela, uthe iqela lakhe lizilungiselele ngokupheleleyo kwaye uthi uqinisekile ukuba baya kuwuphumelela lo mdlalo.

Lo mqeqeshi uthi iPirates ikhangeleka ifanelekile kwaye inobuhlungu xa iqubisana namanye amaqela, kodwa lo nto ayithethi kuthi ingayibetha iChippa.

“Asoyiki ngokoyikiswa, asinakoyika elinye iqela side sibe siqubisana nalo, amanqaku amane angasonela sileli qela. Abadlali bethu bayakwazi okudingekayo nokulindelekileyo kubo,” utshilo uMalesela.

Uthi iChippa iqhube kakukhe kakhulu kwimidlalo yayo edlulileyo, ingakumbi kule ibiyidlalela ekhaya kwibala eliyivumelayo.

“Inkxaso yethu eBhayi intle kodwa asifuni kuyilinganisa neBuffalo City kuba ibala lalapho alilingani nelase Bhayi, elase Bhayi likhulu”.

Kumdlalo wokuqala phakathi kwala maqela, iPirates yaquthisa iChippa ngamagowuli amane kwaye iqela likaMalesela kulindeleke libuyise izitya.

Ngumsebenzi ozakubanzima kakhulu lo ngoba nayo iPirates idinga amanqaku ukuze ibethelele indawo yayo kumaqela azakudlala iMTN 8 kwisizini ezayo.

Kunyanzelekile kubekho umdlalo ewuphumelelayo phakathi kwalo wangomso okanye lowa iwudlala neChiefs ukuba ifuna ukudlala iMTN 8 kwisizini ezayo.