EDutywa babhiyoza ngemidlalo eyohlukeneyo

Ulutsha lwaseThanga eMnquma kulindeleke ukuba lubhiyozele usuku lwenkululeko ngokusindleka imidlalo entlobontlobo.

Ukuqala ngoLwesihlanu uyokuma ngoLwesibini weveki ezayo, amaqela ebhola ekhatywayo, awebhola yomnyazi kuquka neembaleki kwindawo yaseMnquma, kulindeleke ukuba akhuphisane kwitumente ebizwa ngokuba yiChief Jongisizwe Annual Tournament.

Le midlalo kulindeleke ukuba ingenelwe ngawo onke amaqela anomdla kwingingqi yaseMnquma kuquka nawaseMbhashe.

UNkosikazi weNkosi, uOnesimo Bulube, uyichaza le tumente njengesungulwe ngeenjongo zokulwa izenzo zolwaphulomthetho kwakunye nokuqaphela usuku lweNkululeko ngemidlalo.

“Imidlalo ekumila kunje siyisebenzisa njengesixhobo sokususa ulutsha kwiindawo zeentselo, kwiziyobisi kwakunye nokukhuthazwa kokuxatyiswa kwemidlalo ngabantu abatsha,” utshilo uBulube.

Uthi ngeentsuku zeeholide kubalulekile ukuba ulutsha luxakekiswe ngemidlalo ukuze lungafumani thuba lokuzintyintya ngotywala.

Ulutsha kufuneka lusoloko lugcinwe ngemidlalo, lo nto uthi yenza uNkosi Jongisizwe asoloko eququzelela le tumente nyaka nonyaka.

Iqela ngalinye elifuna ukuthatha inxaxheba kufuneka likhuphe umrhumo oyiR300 kwibhola ekhatywayo, logama kwibhola yomnyazi izakuba yiR200 kuphela.

Amaqela aphumeleleyo aza kugoduka nemali ephaya kwiR3000, impahla yokudlala, indebe enkulu kwakunye neembasa zegolide.

Amaqela adinga iinkcukacha ezithe vetshe angaqhagamshelana nenkosikazi yeNkosi uJongisizwe.

Imidlalo iza kubanjelwa kumabala waseThanga ngoLwesihlanu kusasa.