Ekugqibeleni, Amakhosi ade aphumelela

Abadlali beKaizer Chiefs bevuyela igowuli. Umfanekiso: BackpagePix

Igowuli ekuphela kwalo emdlalweni elifakwe nguGeorge Lebese linike iKaizer Chiefs impumelelo ebalulekileyo yokuqala kule sizini ka’2016/17 namhlanje. Amakhosi abethe iHighlands Park FC ngo’1-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obutak’iintlantsi eMakhulong Stadium, eTembisa, namhlanje ebusuku.

Umdlalo uqale ngezinga eliphantsi ufanelekile ngenxa yoxinizelelo ngakumbi kuMakhosi ebengafuni kubethwa komnye umdlalo.

Bekunyanzelekile iChiefs ichule ukunyathela ke kulo umdlalo ngoba ukubethwa kwayo bekwakuthetha ukuthi kwimidlalo emithathu eli qela loyisiwe kukuphumelela umdlalo into engazange yenzeka ngaphambili.

UFranklin Cale akalisebenzisanga ithuba alifumeneyo emva kokufumana ibhola kuJose Garcia kwimizuzu yokuqala emdlalweni.

Emva koko uPule Ekstein noGeorge Lebese bahlanganise ezabo iibhola – kodwa into ebebeyizama ayiphumelelanga.

Siphelile isiqingatha sokuqala Amakhosi Amakahosi anamandla futhi ewulawula umdlalo.

Emva kokubuya kwala maqela kwixesha lokuphumla, iChiefs, ibuye ingcono kakhulu. Ngomzuzu wamashumi amathandathu anesihlanu uLebese uvalele emnatheni ipenela emnatheni emva kokuwiswa komdlali weChiefs emhlabeni kanozinti.

Ukungena kwabadlali abafana noSiphiwe Tshabalala noBernard Parker kwisiqingatha sesibini kuyincedile iChiefs ngoba ikwazile ukubeka uxinizelelo kwiHighlands Park.

Unozinti weChiefs, u-Itumeleng Khune, uthintele ibhola embi ebikhatywe nguMashumba ngomzuzu wokugqibela emdlalweni emva kwempazamo eyenziwe kwanguye.

Komnye umdlalo iGolden Arrows ibethe iFree State Stars ngo’1-0 kumdlalo wePSL obuseGoble Park Stadium, yona iSuperSport United izibethele iMaritzburg United ngo’1-0 eHarry Gwala Stadium.