Ekugqibeleni, Steve Komphela ude wanikezela!

Steve Komphela, coach of Kaizer Chiefs leaving the field at halftime during the 2018 Nedbank Cup semi final match between Kaizer Chiefs and Free State Stars at Moses Mabhida Stadium, Durban on 21 April 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva
kokuxhathisa ixesha elide, uSteve Komphela, ude wanikezela namhlanje njengomqeqeshi
weKaizer Chiefs oyintloko emva kokuhlazwa yiFree State
Stars. Amakhosi akhe phantsi isitya sigcwele kumdlalo weNedbank Cup abethwe
kuwo ngo’2-0 eMoses Mabhida Stadium ebigcwele abalandeli bawo. Umphathi
weChiefs, uBobby Motaung, uxelele ikhasi lonxibelelwano, i@PSL Official, ukuba
umqeqeshi ulahlile namhlanje.

Ukuhamba
kukaKomphela kwenzeke emva kokuba abalandeli abanomsindi bembonzeleke ngenkani
ebaleni emva komdlalo bebonisa ukungaxoli kwabo yinto eyenzeka kwiChiefs. Lo
kaKomphela uhamba kwiChiefs engafumenanga nenye indebe emva kokuyiqeqesha
phantsi iisizini ezintathu zonke ezigcweleyo. Ebesoloko egxeleshe iNedbank Cup
ebilelona themba leChiefs – kodwa ithe yakubethwa, kuye kwabonakala ukuba
akusekho nto ayihlaleleyo.

Kulindeleke
Amakhosi enze iinguqu eziliqela ekupheleni kwesizini. Oku kuvakaliswe nguKaizer
Motaung emva kwentlanganiso yesikhawu ebibanjelwe eNaturena kwiiveki ezimbini
ezidlulileyo emva kokuvuthululwa ngo’3-0 yiChippa United phambi kwabalandeli
bayo eFNB Stadium.