Erasmus: Kudibana amaqela anxanelwe impumelelo

Emva kokuthi khebevu isithuba esingaphaya kweveki, Amabhokobhoko aphindela enkomeni ngempelaveki.

Kweli ityeli aza kube exikixana neWallabies ezophisayo nazo emva kokutywatyushwa ngoompondo-zihlanjiwe embhoxweni wehlabathi – iNew Zealand.

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika liphantsi koxinizelelo kakhulu emva kokuba libuye lisophisa eArgentina – apho livuthululwe yiPumas kwisixeko saseMendoza nakubeni laliqhube kakuhle eThekwini kumdlalo wokuqala.

Phambi kokunduluka kweBoks kwimpelaveki edlulileyo, umqeqeshi uRassie Erasmus uthe iqela lakhe lizimisele ukulungisa izinto – kodwa watsho esithi baza kudibana neAustralia eza kube ilangazelela impumelelo kakubi eBrisbane ngenjikalanga yangoMgqibelo.

“Ndicinga ukuba imeko ekuyo iWallabies imbi kunale yethu. Yona ivuthululwe kwade kwakabini ziintshatsheli zehlabathi. Lo nto iyasixelela ukuba baza kudibana nathi bengonyamile ngoba bakhangela ixhoba abanokuzixolisa ngalo. Nathi silambele ukufumana impumelelo. Sibethwe liqela ebesingafuni ukubethwa lilo. Lo nto ithetha ukuthi omabini amaqela aya emdlalweni efuna ukulungisa iimpazamo azenzileyo kwimidlalo egqithileyo. Umdlalo uza kubanzima kuthi ngoba sidlala nabo enkundleni yabo,” utshilo uErasmus.

URassie ubalule ukungaqheli kwabadlali abathile nokungasebenzi kwendlela yabo yokudlala njengezona zizathu ezibenegalelo ekubethweni yiPumas.

Kwangaxeshanye, umqeqeshi uthi inguqu acinga ukuyenza kufuneka ikhatshwe ziziphumo ezihle. Umdlali ekulindeleke ancede iqela likaRassie ngumdlali wasemva uCheslin Kolbe owayedlalela iWestern Province, oqhuba kakuhle kakhulu kwiqela lakhe laseFrance ekuthiwa yiToulouse.

“Emva kwemidlalo yovavanyo elishumi, akufanelanga ukhale ngokoyika kwabadlali. Ewe, kukhona ukungcangcazela kubadlali abathile – kodwa andizami kukhangela isebe lokusithela ngoba kufanelwe bancedwe ngabadlali abadala. Emva kokuphulukana nomdlalo ogqithileyo, ngoku siceba ukwenza iinguqu kwiqela lethu. Kunyanzelekile siphumelele emdlalweni esiya kuwo ngoba ukuba asiphumeleli, kwakubakho uxinizelelo emagxeni wethu. Uxinizelelo kufanele lusityhale ukuze sidlale umdlalo ongcono futhi siphumelele nomdlalo,” utshilo uErasmus.