Ezemidlalo sisixhobo sokulwa ubundlobongela

Abadlali beRangers FC ngethuba bevuyela indebe emva kokuphumelela kwilali yakuVonqo eDutywa Umfanekiso: Mbulelo Sisulu

IsEbe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko belisingathe itumente yezemidlalo kwilali yakuVonqo, eDutywa, kwiveki ephelileyo.

Iinjongo zetumente ibikukuzama ukusiphula neengcambu ubundlobongela obugqubayo kwilali yakuVonqo ekuxhaphake kuyo imilo yamakhwenkwe nodlwengulo lwabantwana abangamantombazana.

Ulutsha lakuVonqo elingayithandiyo into embi lahlala phantsi laqulunqa iqhinga elinokuthi licuthe ngalo izinto ezingalunganga elalini.

Ulutsha lagqiba ekubeni lenze itumente yezemidlalo ukuze amakhwenkwe alwayo nabadlwenguli bahlale benento yokwenza.

Omnye wabantu abatsha kuVonqo, uMzekelo Thiwani, wabhala ileta yesicelo kwiSebe lezeMidlalo ukuze lixhase imidlalo. Ngenene iSebe laye layithakazelela into yokuxhasa itumente, lathatha isigqibo sokuba itumente iza kubanjwa nyaka nonyaka.

Itumente ibinebhola yomnyazi, ibhola ekhatywayo kwakunye namahashe omdyarho. Ngokutsho kweSebe lezeMidlalo, lithi lona lifuna wonke umntu abonakalise isakhono sakhe.

Igosa leSebe, uFikile Mthintsilana, uthe baphuhlisa wonke umntu onesakhono sobugcisa, inkcubeko nakwimidlalo nje ngokubanzi.

Kwixesha elizayo, kulindeleke ukuba kubekho amaqela omxhentso, oomama nootata abenza imisebenzi yezandla abaza kuyithengisa ebantwini.

Amaqela ezemidlalo athe aphumelela afumene iindebe ekufuneka zikhuselwe kwakhona kwixesha elizayo.

Kwibhola ekhatywayo, emdlalweni wamagqibelakankqoyi bekuhlangene iRangers kwakunye neHome Defenders FC. Iye yaphumelela iRangers kumapenela, yahamba nendebe enkulu.

Kwibhola yomnyazi, iPeace Lover Netball Club ibethe iHome Defenders Netball Club. Inkosi yakuVonqo, uDal’vuyo Sihlanu, uxelele inginginya ebi lapho ukuba iswele imilomo eliwaka yokubulela into eyenziwe liSebe.

“Apha kumhlaba katat’omkhulu uVonqo, sinengxaki yolwaphulomthetho oluthande ukuxhaphaka. Ndiyavuya xa iSebe lisondela kuthi ukuze abantu babe nayo into yokwenza. Ndiza kusebenzisana nabaququzeleli bale tumente ukuze sicuthe ubundlobongela apha kule lali,” utshilo uNkosi uSihlanu emva kwemidlalo kuVonqo.