
Emva kweenyanga nje ezine eli qela libhaliswe ngokutsha kwiincwadi zebhola yeli lizwe, u-Eric Tinkler, ulibumbe emva koko walithatha walibeka phezulu kwibhola yoMzantsi Afrika.
La maqela aqale isiqingatha sokuqala ngokusukelana – kodwa kungekho nto ixhomisa amehlo. Kuthe ngomzuzu wesithoba, uThuso Phala, wafumana ibhola isuka kwicala lasekhohlo – idibene naye engayizilungiselelanga kakuhle, wayiphosa. Luthiba ukuba ebelisebenzise kakuhle, iSuperSport United ngeyihambe phambili kwangoko. Eli qela lasePitoli lohlwayiwe ngokuphosa elothuba ngoba u-Aubrey Mngoma ubeke emnatheni umkrolo webhola ekude kumhlaba kanozinti.
Nangona uReneilwe Letsholonyane noDean Furman bebezibethelele iingcambu zabo embindini webala futhi belawula yonke into eyenzekayo – kodwa badibene nesikhuthali esikhulu uRoland Putsche obesebenzisana namadoda abalekayo afana noMpho Matsi, Lebohang Manyama no-Aubrey Mngoma.
Amakhwenkwe ka-Eric Tinkler khange ayiqhelisele kodwa iSuperSport United kwaye khange kucaca nokuba amanye akanawo amava kwimidlalo ekumila kunje.
Kwisiqingatha sesibini iqela laseKapa liqale apho beliyeke khona kwesokuqala. Lihlasele lingaphezi, kangangokuba uReyaad Pieterse unyanzeleke ukuba avale iibhola ezimbi.
UKingston Nkatha ufake igowuli lokulinganisa ngomzuzu wamashumi asixhenxe. Kodwa kuthe kwimizuzu nje emibini emva koko, uJudas Moseamedi ufake igowuli lesibini leCTC emva kokuba uManyama esukele amadoda kwicala lasekunene. UStuart Baxter ukhuphe uJeremy Brockie noThuso Phala – kwaze ezindaweni zabo kwangena uCole Alexander noDove Wome.
Amakhwenkwe kaTinkler azincede ngento enye kulo mdlalo. Xa ebambe ibhola ayikhabela phambili futhi aqinisekise ukuba iya ezipalini kodwa akupheleli apho ngoba kwangaxeshanye – ayaqinisekisa ukuba akashiyi iipali zawo zibhentsile.
Umdlalo wona ubuvulelekile kuwo omabini la maqela. Amathuba wokuphumelela indebe ebekhona macala futhi eyona nto iwenze umdlalo wamhle kukuzimisela kwabadlali ebaleni. UPieterse ebexakekile kakhulu ubukhulu becala – kodwa kuthe ngoku sekusondela isiphelo somdlalo, uShu-Aib Walters, nguye oye waxakeka kakhulu ngoba iSuperSport ibihlasela ngamandla. Ukwazile kodwa ukuqubisana nezo bhola bezijulwa kuye ngabadlali beSuperSport.
SuperSport United: Pieterse, Boxall, Daniels, Gould, Bhasera, Furman, Letsholonyane, Phala, Mnyamane, Nkhatha, Brockie
Amalalela: Pule, Morton, Modiba, Alexander, Farmer, Booysen, Wome
Amalalela: Motloung, Sim, Nodada, Kobola, Moseamedi, Adjei, Mashkinya
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike