ITornado FC iqobongele iCity Lads kumdlalo weMotsepe

Amava weTornado FC ayincedile namhlanje ngethuba isokoliswa yiCity Lads ephethe iyibetha ngo’2-0 kumdlalo we-ABC Motsepe League obudlalelwa eNorth End Stadium emalanga.

Lo mdlalo ububaluleke kakhulu kula maqela omabini; nanjengokuba esiya kwikhefu lokuphela konyaka, omabini ebefuna ukusondela kumaqela aphala phambili kwiMotsepe League.

Ngethamsanqa layo iTornado iyifumene impumelelo – kodwa ebunzimeni. Isiqingatha sokuqala silawulwe liqela laseMaxesibeni – kwaye lilo ebelinamathuba okufaka amagowuli.

Ukuba abadlali beCity Lads bebemkhabele unozinti bekude, mhlawumbi, ngeyikhona into abagoduke nayo. Bebedlala ibhola bade bafune ukuyoyifaka ngokwabo, ibachanile ke lo nto.

Liqela ebelidlalela ekhaya eliye kwixesha lokuphumla lihamba phambili ngegowuli elinye nangona beliphantsi koxinizelelo.

Kwimizuzu engephi kwesesibini, iphinde yangcangcazelisa umnatha iTornado FC. Izamile ukunkqonkqoza iCity Lads kodwa unozinti weTornado, uSphiwe Ntintili, khange avule kwaphela.

Lo nozinti uye wakhutshwa ngekhadi elibomvu kwisiqingatha sesibini emdlalweni emva kokudlala kakubi umdlali weCity ngaphandle komhlaba wakhe.

Nakubeki iCity Lads igoduke ingenanto esandleni, kodwa umdlalo wayo ubumhle kakhulu.

Umqeqeshi wayo ukhalele izigqibo ezithathwe ngusompempe namathuba ayekwe ngabadlali bakhe. OweTornado umqeqeshi uwamkele amanqaku amathathu kodwa wavuma ukuba umdlalo wabo awumxolisanga ncam.