I-Maritzburg United ityikitye uMoholo

Nanjengoko amaqela amaninzi adlala kwiPremier Soccer League emaxhaphetshu elungiselela isizini entsha ezakuvulwa kwinyanga ezayo, iMaritzburg United lelinye lamaqela akwelo phulo lokuqokelela zonke izikrweqe ezifunekayo.

Iindaba ezintsha zithi eli qela laseMgungundlovu lityikitye umdlali wasesiswini obefudula edlalela iqela laseMpuma Koloni , iChippa United. Lo mdlali nguManti Moholo, kwaye uqinisekisile ukuba uzibophelele iminyaka emithathu yonke kwiqela lakhe elitsha.

Lo mdlali wayefudula ekwiincwadi ze-Orlando Pirates uthi ujonge phambili yena kwisizini entsha apho azakufumana ithuba lokunceda iMaritzburg United.

“Ndonwabe kakhulu kwaye ndiwongekile kakhulu kukuba lapha kwam, eli liqela elilungileyo kakhulu. Ekugqibeleni, ndingatsho ndithi ndilifumene ikhaya. Ndizakuzama kangangoko ukuba ndongeze koko iqela eli likufumeneyo ngaphambili” utshilo uMoholo kwikhasi lonxibelelwano leMaritzburg United.

Umqeqeshi weli qela uMandla Ncikazi uxelele ikhasi lomnatha le-United ukuba buyamvuyisa ubukho bukaMholo kuba buzakudlala indima ebalulekileyo kakhulu.

Ezi nguqu zilandela ukonyuselwa kwakhe uNcikazi njengomqeqeshi oyintloko nokuqesha kwakhona kuka Fadlu Davids olisekela lakhe emva kokuba umqeqeshi we-United wesizini edlulileyo uSteve Komphela ethe wathathwa yiKaizer Chiefs kwinyanga ephelileyo.

Abaqeqeshi kweli qela banomsebenzi omkhulu kuba kufuneka bezamile nokuba kunzima kangakanani livale isizini liphakathi kwasibhozo aphambili emva kokuba lenze njalo okokuqala ngethuba liphantsi kwesandla sikaSteve.