Abahlali

bafuna

izindlu

zangasese

Abahlali baseDespatch cebu kuhle eBhayi bakhala ngelithi izindlu zangasese, ezazakhiwe kwiminyaka embalwa edlulileyo, azide zisebenze.

Aba bahlali bathi bahleli kule ndawo intsha eDespatch ukusukela ngoJanuwari kodwa ukuza kuthi ga ngoku basasokola ngamagumbi angasese. UNobuhle Futshane, omnye wabahlali bale ndawo, uthe: “Sisuswe kwiindawo ngeendawo kwelaseBhayi sazobekwa apha eDespatch kuba kwiindawo ebesihlala kuzo kukho iingxaki nomhlaba ebesikuwo.”

Omnye wabahlali uThobeka Mdlungu uthe: “Indawo esibekwe kuyo asihoyakalanga konke konke, sibekwe apha kule ndawo ingena mbane, amanzi nezindlu zangasese ezakhiweyo azikasebenzi ukususela mhla zakhiwa, mna ndifike kusuku lwesixhenxe kwinyanga kaMatshi.”

“Xa sifuna ukuya ngasese siye siqokelelane senjenjeya ukuya ehlathini ukuya kuzinceda, phakathi kwethu kukho nabahamba ngezitulo zamavili, kodwa babe benyanzelekile, ukuba baye kuzinceda, siqokelelana nje soyika izikrelemnqa neenyoka nezinye izinto zasehlathini,’’ utshilo. Uceba waseDespatch uFrancois Greyling uthe: “Kudala sizama izindlu zangasese, iminyaka emine idlulile sizamana nokunceda uluntu ngokwakha ezi zindlu, nangona sisalwa ukuba zisebenze ngendlela, sisazamana nemibhobho yokugungxula ukuze zisebenze ngendlela eyiyo.”