IBaroka ibuyele phezulu kwakhona

Igowuli elifakwe ngomzuzu wokugqibela ngumdlali ohamba phambili ngamagowuli kwiNFD, uThabiso Kutumela, linike iBaroka FC amanqaku amathathu ebiwadinga, xa ibibetha iRoyal Eagles ngo’2-1.

IRoyal Eagles ifake igowuli kuqala kulo mdlalo ubudlalelwa ePeter Mokaba Stadium, ngenqina likaMichael Gumede. Umdlali wasemva kwi-Eagles, uMisho Mtubule, ufake igowuli kunozinti wakhe ngempazamo, le nto yabangela ukuba kuyiwe ekhefini la maqela ebambene ngegowuli macala. Kwisiqingatha sesibini iBaroka ibifaka uxinizelelo nangakumbi kwi-Eagles, kodwa abadlali bangemva, bebencedisana nonozinti uSiyabonga Mbatha ukususa ingozi.

ULucky Mothwa uphantse wafaka igowuli ebelizakunika iBaroka impumelelo, kodwa uye waphosa ukuyingquba le bhola. UKutumela nguye ode wawuqoshelisa lo mdlalo xa ethulula ibhola eyifaka emnatheni ngenqina lasekhohlo.