IBaroka izibethele iSundowns kwavuya abeChiefs

Goodman Mosele of Baroka tackled by Mosa Lebusa of Mamelodi Sundowns during the Absa Premiership 2019/20 match between Mamelodi Sundowns and Baroka at the Dobsonville Stadium, Soweto on the 30 August 2020 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Izuze
amanqaku amathathu iBaroka FC yatsho yayokuthi ngcu kwindawo yeshumi elinambini
emva kokuquthisa kabuhlungu iMamelodi Sundowns ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni
we-Absa Premiership obunzima kakhulu eDobsonville Stadium ngokuhlwa
kwanamhlanje. Emva kokubethwa kweKaizer Chiefs ngo’1-0 yiBidvest Wits emalanga,
iSundowns iphose ithuba lokuya kwindawo yokuqala kwiPSL. Amasandawana awulawule
umdlalo ukusukela ekuqaleni esebenzisa amadoda afana noHlompho Kekana noGaston
Sirino. Izamile nayo iBaroka kwelayo icala – kodwa kungekho ngozi eyenzayo. Unozinti
weBaroka owaziwayo, u-Elvis Chipezeze, ebengekho emdlalweni wanamhlanje –
indawo yakhe ithathwe ngu-Ayanda Dlamini owenze umsebenzi omhle kakhulu
ezipalini. Iqela likaPitso alibethwanga kuba belingadlali kakuhle, nguDlamini
owenze umahluko omkhulu ngoba iSundowns izamile ukudala amathuba emdlalweni.

Nangona uKennedy
Mweeene ebengaxakekanga kakhulu emdlalweni – kodwa ibhola efakwe ngu-Ananias
Gebhaedt, yeyona embethileyo futhi eyenze umahluko emdlalweni. Ligowuli elinike
iBaroka amandla lavuselela nethemba njengokuba izama ukubhekela ezembeni. USirino
noLyle Lakay bazamile ukuyihlasela iBaroka macala onke – kodwa abakwazanga
ukugqobhoza. Uye wakhutshwa u-Andile Jali emdlalweni ngenxa yokonzakala. Indawo
yakhe ithathwe nguSibusiso Vilakazi. Yena uPromise Mkhuma uthathe indawo kaJose
Ali Meza. Iinguqu ezenziwe yiSundowns ziwutshintshile umdlalo, into engavumanga
namhlanje ligowuli. Njengokuba kushiyeke imidlalo emibini kuwo onke amaqela,
kulindeleke umlo wokuphumelela indebe nokuphepha izembe uqinde ngakumbi.
Iziphumo zalo mdlalo zinike iChiefs ithuba lesibini (elivuyisa abalandeli) lokuqinisa
iinzame zayo zokuphumelela indebe yePSL.