Ibhenela emthethweni iPSL ecatshukiswa yiSafa!

Kaizer Chiefs and Free State Stars players entering the field during the Absa Premiership 2018/19 match between Free State Stars and Kaizer Chief at Goble Park Stadium, Bethlehemon 18 September 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Kukho ukungevani
phakathi kwePSL neSafa kwaye imbambano yala maqumrhu mabini ingaphelela
enkundleni yomthetho. Namhlanje iPSL ixelele amajelo endaba okokuba ifuna
iingcebiso zomthetho malunga nesivumelelwano senkxaso-mali senkampani ekuthiwa
yi-OUTsurance esiphakathi kwayo neSafa. Kwiveki ephelileyo, iSouth African
Football Association, ibhengeze isivumelwayo esitsha seminyaka emihlanu
ne-OUTsurance. Isivumelwano sala maqumrhu mabini sinika ilungelo i-OUTsurance
ilungelo lokujika izikipha zoosompempe bonke ibe yimibala yayo kwimidlalo
ye-Absa Premier Soccer League.

Nakubeni
oosompempe bephantsi kolawulo lweSafa ngokupheleleyo – kodwa iPSL ayisiginyanga
isigqibo sayo sokusetyenziswa kwemibala ye-OUTsurance. Amalungu wesigqeba
esiphezulu esilawula iPSL abambe intlanganiso namhlanje eKempton Park – apho bagqibe
kwelokuba le ngxaki inikezwe emagqwetheni. “Isigqeba esilawulayo siwushukuxile
umba wesivumelwano seSafa ne-OUTsurance esingoosompempe. Isigqeba sinoluvo
oluthi: isivumelwano seSafa ne-OUTsurance sijongela phantsi amalungelo
wabaxhasi beNational Soccer League (NSL). Sigqibe kwelokuba sikhangele
iingcebiso zomthetho ngalo mba,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiPSL.

Inkampani
yakwa-OUTsurance inike inkxaso-mali ekwizigidi ezingamashumi amahlanu erandi
(R50-million). Yilo mali
eqinisekise okokuba oosompempe banxiba iimpahla ezinemibala eluhlaza napepuli
xa bephethe imidlalo yamaqela adlala kwiPSL. Oosompempe baqale ukusebenzisa
imibala emitsha kwimidlalo yeveki ephelileyo. Phakathi kwezinye izinto ezithe
zaxoxwa ziziphathamandla zePSL ngumba kasihlalo weBlack Leopards, uMnu. David
Thidiela, otyholwa ngokugrogrisa usompempe emva kokubethwa kweqela lakhe ngo’1-0
yiBloemfontein Celtic kutshanje. Isigqibo sithe uMnu. Thidiela anqunyanyiswe
njengelunguu lesigqeba esilawulayo sePSL kude kube kufumaneka isisombululo.