Ibhola yomnyazi idinga inkxaso ezilalini

Amantombazana adlala ibhola yomnyazi aphuma kwiilali zaseChizela, eDutywa umfanekiso: Pedro Mapelo

Abantwana basezilalini banawo umdla wokudlala ibhola yomnyazi ezilalini – kodwa ngokufanayo neminye imidlalo akululanga kubo ngenxa yeengxaki lo mdlalo ojamelene nazo.

Kwezi holide zokuphela konyaka ka-2016, amantombazana aphuma kwiilali zaseChizela, eDutywa, ebeyinxalenye yetumente yebhola ekhatywayo esingathwa rhoqo ngaseGem Junior Secondary School.

Amaqela amathathu aphuma kwilali yaseCungcwini, kuGudlindlu nakwaNtantala ebekhuphisana – injongo ephambili ibikukuzonwabisa nokulola izakhono zabadlali bawo.

I’solezwe lesiXhosa lifumanise ukuba ibhola yomnyazi ayidlalwa ezikolweni kuphela kwiilali zaseDutywa, yintlal’isenzeka, kodwa ukukhula kwayo kungcambaza okofudo ngenxa yokungabikho kwenkxaso-mali. “Siyayithatha ibhola yomnyazi qha kufuneka sibethe iipokotho zethu ngoba akukho nkxaso esiyifumanayo,” utshilo uMirian Gqongwana.

Le ntokazi ngomnye wabadlali balo mdlalo ofuna ukubona inkqubela kwiilali zaseMbhashe.

“Umdla kwibhola yomnyazi ukhona qha enye yezinto esisokolisayo ngoku kukuba sifunda kwiindawo ezahlukeneyo. Xa singekho, akubilula ukuqokelelana kwamaqela wethu. Sidinga ukuxhaswa kulo mdlalo ngoba sifuna ukuwubona ukhula,” utshilo uGqongwana.