Ibuye ngevudu kwakhona iKhiwa’s Tournament kwaNomcamba Ground

Zonke iindlela ziya eNgqeleni ngempelaveki apho kukho umdliva wemidlalo entlobontlobo yeKhiwa’s Tournament. Imidlalo yebhola ekhatywayo nemidlalo yomnyazi iza kubanjelwa kumabala odumo kwaNomcamba Sport Ground ukusukela ngoMgqibelo kusasa ukuya ngeCawe emalanga. Emva kwesiqendu sokuqala sonyaka ophelileyo ebesisihle, iKhiwa’s Tournament ibuye ngelinye ivudu kwakhona kwaye abantu baza konwatyiswa ngomculo ziimvumi ezifana noBethusile Mcinga noDJ Casper. Kulindeleke ukuba umgangatho wemidlalo emabaleni ubenochatha kulo nyaka ngoba nemali ezakufunyanwa ngamaqela aphambili inyukile kakhulu.

“Kulo nyaka, iqela eliphumeleleyo liza kugoduka namashumi amabini amawaka erandi (R20 000), elesibini lifumane ishumi elinesihlanu lamawaka erandi (R15 000) lize elesithathu lifumane ishumi lamawaka erandi (R10 000). Ngaphezulu koko, amaqela aphumeleleyo, ebholeni nakweyomnyazi, aza kuthiwa jize ngeekiti ezintsha kraca,” utshilo umququzeleli, uBulelani Mancotywa. Nangona abantu besanikwe umtyhi wokudibana kwiindawo zoluntu – kodwa uMancotywa uthi ukhuseleko lwabantu yinto ephambili kubo bengabaququzeleli betumente. “Utywala abuvumelekanga kwaphela kwitumente yethu. Sikhuthaza ukhuseleko kakhulu njengokuba kukho iKhorona. Abantu mabazikhusele ngokuzogquma ngeeMaskhi,” utshilo uMancotywa.

Phakathi kwamaqela aza kuba yinxalenye yetumente kulo nyaka kukho uMthatha Citizen, Ayakha FC, iLibode Taxi Rank, iKaizer FC, iYoung Brothers, iCanzibe Eagles, iQava FC, iGcaleka FC, uTintsila FC namanye amaninzi. Kanti uKhiwa uzimisele ukunika abantu abatsalanzima izipho kuphinde kuxhotyiswe ulutsha ngamazwi wenkuthazo ziindwendwe zakhe ezihloniphekileyo. “Asijonganga okwenzeka ebaleni kuphela. Siza kube sisipha abantu abahleleleke iziqhuma zokutya. Kulo unyaka, sifuna ukupha abantu abangamashumi amahlanu. Phambi kokuqala kwemidlalo, iindwendwe zethu eziquka uMnu. Putco Mafani no-Ace Ncobo, ziza kufumana ithuba lokuthetha nolutsha ngezinto zobomi,” uvale ngaloo mazwi umququzeleli.