Ibuyele kwiPSL kwakhona iHighlands Park

Ibuyela kwiPSL kwakhona iHighlands Park emva kokuphumelela umdlalo wayo kwiveki ephelileyo umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Kugqityiwe, iHighlands Park ibuyela kwiAbsa Premier Soccer League kwisizini ezayo! Eli qela lamkela uMthatha Bucks osemsileni kumdlalo weNational First Division ngo’15:00 ngoMgqibelo eMakhulong Stadium selibethwa ngumoya phezulu.

Amakhwenkwe kaOwen Da Gama enze imbali ngokuthi abuyele kwiPSL kusekho imidlalo emine esandleni.

IHighlands Park, eteketiswa ngegama elithi: The Lions of the Noth, ivuthulule AmaTuks kwiveki ephelileyo ngo’5-0. Ukuqeshwa kukaDa Gama kulisebenzele kakhulu eli qela ngoba zange laphulukana namdlalo ukusukela mhla kwangena yena kwisikhundla sokuqeqesha.

Lo mqeqeshi, owayeqeqesha amaqela esizwe aquka iBafana Bafana, akazisoli ngokuthatha umsebenzi okwinqanaba elisezantsi emva kokunceda iHighlands. IHighlands iqokelele amanqaku angamashumi amahlanu anesithathu kwimidlalo engamashumi amabini ananye.

“Ngamanye amaxesha kufuneka ubuye umva ebomini phambi kokuba uye phambili. Ukuze sizuze impumelelo kuye kwafuneka iingqondo zethu sizimilisele emsebenzini wethu ngokupheleleyo. Izinto zihambe ngendlela ebesicwangcise ngayo ngoba sinabadlali abazinikeleyo,” utshilo uDa Gama.

Nakubeni iHighlands Park iza kudlala imidlalo emine phambi kokuthwaliswa isithsaba – kodwa ngoku eyona ibalulekileyo ekufuneka abaphathi bayo bayilungiselele kukuhlala kwiPSL kwisizini ezayo.

Umdlalo wayo iHighlands noMthatha Bucks awusabalulekanga – kodwa kukhangeleka ngathi uDa Gama uzimisele ukufikelela kumashumi asixhenxe amanqaku kule sizini.

Iqela laseMthatha liya eMakhulong Stadium linomthwalo omkhulu wokuphepha izembe – into ekubonakala ngathi alingeke likwazi kuyenza emva kokungakwazi ukuphumelela imidlalo yalo eliqela kule sizini.

Imidlalo yeNFD:

NgoMgqibelo: Uthongathi FC vs Ubuntu Cape Town @Princess Magogo Stadium, 15:00; Mbombela United vs Stellenbosch @Kanyamazana Stadium, 15:00; Tshakhuma Tsha Madzivhandila vs Real Kings @Thohoyandou Stadium, 15:00; Pretoria University FC vs Cape Town All Stars @Absa Tuks Stadium, 15:00; Richards Bay vs Super Eagles @Umhlathuze Sports Complex, 15:00