
Nangona ekhutshiwe
emdlalweni ngenxa yobushushu bomdlalo uBenni McCarthy – kodwa wonelisekile
yimpumelelo ezuzwe liqela lakhe kwidabi laseKapa.
ibethe
ngendlela emangalisayo eCape Town Stadium ngale njikalanga yanamhlanje. Phantsi
kwalo ngqatsini yelanga, iCity ibethe i-Ajax ityeli lesine kwimidlalo yonke edlalwe
ngala maqela ukusukela kwisizini edlulileyo. Igowuli ekuphela kwalo namhlanje emdlalweni
elifakwe nguCraig Martin linike
amanqaku amathathu ayigcine kwindawo yesibini kwiPSL emva kweMamelodi Sundowns
ehleli enkcochoyini.
Kuyiwe kwixesha
lokuphumla kungekho qela likwazileyo ukubhalisa ebhodini emva kwesiqingatha
ebesithande ukuba shushu ebaleni. Amakhwenkwe kaBenni McCarthy ngawo alawule
umdlalo ekhokelwa yinjineli uTeko Modise esizikithini sebala.
baquqe bebuyelela kwiipali ze-Ajax – kodwa eyona nto incomekayo kukuba
bakwazile ukumelana nazo zonke ezo bhola bezisuka macala onke. Nangona idlale
phantsi koxinizelelo i-Ajax, ekuhambeni kwexesha abadlali bayo baye baswabuluka
batsho bakwazi nokunikelana ngebhola. YiCity ekwazileyo ukudala amathuba
kwisigaba sokuqala emdlalweni – kodwa ayikwazanga ukusebenzisa nelinye. Iqela likaMuhsin
Ertugral liye lonzakaliswa kukukhutshwa kukaGerald Takwara ngekhadi elibomvu
phambi kokutshintshwa kwamacala.
Ekubuyeni kwawo
la maqela ekhefeni athathe apho ayeke khona kwisigaba sokuqala. Kumzuzu wamashumi
amahlanu ananye, uCraig Martin ubhakuzelise umnatha ngebhola ayingqube
ngentloko emva kokufumana ibhola ethe gqi phezulu kwicala lasekunene. Ngenxa yelanga
ebeligqatse ubhobhoyi, isantya somdlalo siye sehla kwisiqingatha sesibini –
kodwa wona umgangatho khange wehle konke konke. UMuhsin ufake uFagrie Lakay endaweni
kaMorris.
uLyle Lakay. Umdlali ohlaselayo uThabo Nodada okhe wafumana ithuba lokufala
igowuli lesibini leCity kumzuzu wamashumi amathandathu anesibini – kodwa ibhola
akakwazanga ukuyilawula kakuhle ngentloko.
Xa kudlala
la maqela mabini waseKapa isoloko imimoya iphezulu, uMcCarthy uye wakhutshelwa
ngaphandle kushuyeke imizuzu elishumi phambi kokuphela komdlalo. Kude kwase
kugqibeleni i-Ajax ingakwazanga ukusebenzisa nalinye ithuba kwewafumeneyo
emdlalweni. Ngoku ithe finini endaweni yokugqibela kwiPSL emva kokuba iBidvest
Wits ibethe iBloemfontein Celtic ngo’1-0 kumdlalo wePSL odlalelwe eBidvest
Stadium izolo ebusuku.
Edmilson, Fielies, Nodada, Putsche, Martin, Modise, Patosi, Obinna.
Outtara, Lebusa, Malepe, Mdabuka, Takwara, Julies, Morris, Ndoro.
Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini