IChippa inephupha lokudlala kwiCaf

UTeboho Moloi unephupha lokuthatha iChippa United ayise kwimidlalo yeCaf.

Amaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League anamathuba aliqela okudlala kwiChampions League nakwiConfederation Cup.

Iqela ngalinye kufuneka liphumelele indebe yePremiership, liqinisekise ukuba libamba indawo yesibini okanye eyesithathu xa kuphela isizini.

Nangona kuye kuxhomekeke kwiCaf ukuba imema amaqela amangaphi azakudlala kwiChampions League – kodwa lona iqela eliphumelele iNedbank Cup liqinisekile ngokungena kwiCaf Confederation Cup.

Njengokuba amaqela abadlala kwiPSL nalawo adlala kumanqanaba asezantsi eqala imidlalo yeNedbank – iChippa United inethuba lokuphumeza amaphupha wayo ngokuthi iphumelele le ndebe.

Kule mpelaveki iiChilli Boys zidibana nePhiva Young Stars kumdlalo ozakube ukwaKabokweni Stadium ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.

IPhiva Young Stars idlala kwi-ABC Motsepe League – kodwa akulindelekanga iyoyise iChippa kulo mdlalo nangona imidlalo yeNedbank Cup inezimanga zayo.

Iqela likaMoloi kulindeleke libuye noloyiso kulo mdlalo kwaye uzakusebenzisa lo mdlalo njengethuba lokulungisa iingxaki akhale ngazo emva kokuba iChippa ibambene nePlatinum Stars ngo’3-3 kumdlalo obuseBhayi kwiveki ephelileyo.

Okunika ithemba ngeChippa kukuba iyakwazi ukufaka amagowuli – eyona nto ibalulekileyo kwimidlalo yokhuphiswano.

UMark Mayambela, ofake amagowuli amabini kwiveki ephelileyo, kulindeleke akhokele iChippa kwiphupha layo lokuphumelela indebe ukuze idlale imidlalo yeCaf.

Iqela laseMpuma Koloni elidlala kwiMotsepe League, i-EC Bees, lindwendwela iqela laseLimpopo elibizwa ngokuba yiMariveni United kumdlalo ozakubanjelwa e-Old Peter Mokaba Stadium ngo’15:30 ngeCawe.