IChippa United iya koweNedbank iqhwalela

Lufike kuvutho-ndaba ukhuphiswano lweNedbank! Mane amaqela ashiyekileyo, onke afuna ukuya kumdlalo wokugqibela eMoses Mabhida Stadium – kodwa yiChippa United eya emdlalweni iqhwalela ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo.

IiChilli Boys zidibana neSuperSport United ngo’15:00 eSisa Dukashe Stadium ngoMgqibelo.

Ingxaki yeziphumo nokunqunyanyiswa kukaDan Malesela kwenze izinto zambi ngakumbi kwiChippa. Ngoku kunyanzelekile ifake amandla wayo kwiPremiership ukuze isinde ezembeni, kuyanyanzeleka icinge kabini ngeNedbank.

Ngumsebenzi onzima kakhulu lowo kwiqela elinabadlali abalahlekelwe kukuzithemba kwimidlalo edlulileyo – kodwa ukubuya kukaMalesela kungaluncedo.

Le yindebe ezenzele kuyo imbali iChippa United emva kokudlala kakuhle ukusukela ekuqaleni. Abadlali abadala nabanamava abafana no-Andile Mbenyane, uDiamond Thopola noDaniel Akpeyi kunyanzelekile bazibonakalise kuyo yonke imidlalo eshiyekileyo ukuze kuphucuke imeko yeqela.

Kanti yona iGolden Arrows yamkela i-Orlando Pirates kumdlalo weNedbank Cup, ePrincess Magogo Stadium, ngo’15:00 ngeCawe. Eli lithuba lokugqibela lePirates lokufumana indebe kwisizini engayihambelanga kakuhle.

UKjell Jonevret uthi iingqondo zabo bazibethelele kulo mdlalo – kanti yena uLerato Lamola ufuna apha indebe yeNedbank. “Asikhathali noba sidlala nabani, into ephambili kuthi kukuya kumdlalo wokugqibela,” utshilo uLamola.