IDikwena neMaritzburg ziqokelele amanqaku apheleleyo

UJustice Chabalala we-Orlando Pirates, uLuvuyo Memela we-Orlando Pirates noNtshikelelo Nyauza. Umfanekiso: BackpagePix

IPlatinum Stars ifumene amanqaku amathathu apheleleyo emva kokuba ivuthulula iCape Town City ngo’4-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League namhlanje ebusuku.

Iintshatsheli zeTelkom Knockout (Cape Town City) zize kulo mdlalo imimoya iphezulu – kodwa icinywe yonke lo nto yiPlatinum Stars ephumelele umdlalo wayo wokuqala emva kokuba nelishwa kwimidlalo esixhenxe yonke edlulileyo.

Igowuli lokuqala lifakwe ngu-Isaac Nhlapo, elesibini lafakwa nguTintswalo Tshabalala emva kokufumana ibhola entle kuRobert Ng’ambi.

Kwisiqingatha sesibini uBongi Ntuli noNdumiso Mabena baqinisekise ukuba iDikwena iyayingcwaba iCape Town City kulo mdlalo. Nangona ibethiwe nje iCTC – kodwa isahleli phezulu kwiPSL.

Komnye umdlalo odlalelwe eHarry Gwala Stadium, yona iMaritzburg United izibethele i-Orlando Pirates ngo’2-1 kumdlalo wePSL.

Amanqaku apheleleyo anike iqela laseMgungundlovu ithuba lokuphefumla nanjengoko likwazile ukonyukela ngasentla kwiPSL.

Ukubethwa kwe-Orlando Pirates ziindaba ezimbi kakhulu ngoba lo nto ithetha ukuthi idlale imidlalo emine ngoku ingaphumelelanga nomnye umdlalo.