Umthetho mawube ngqwabalala kwabaxhaphaza abantwana nabasetyhini

Abantu abadala nezithethi ebezise House of Happiness ePort Alfred kwitheko lokukhuthazwa koluntu ukuba lingathuli libe lingamaxhoba okuxhatshazwa. Umfanekiso: Buziwe Nocuze

Libambe umsitho obonakalisa ukuchasana
nokuxhatshazwa kwabantwana namanina ikhaya labantu abadala, iHouse of Happiness
eseNdlovini, ePort Alfred. babuthelene kwelikhaya nalapho bebethetha ngemiba
nangezinto enxulumene nokuphathwa gadalala.

UBoniwe Hendele ongumququzeleli kule ndawo uthe
kulo nyaka babonile ukuba umcimbi wabo wokuvala unyaka mabawudibanise nenkxaso
kwabo bathi baphathwe gadalala emakhayeni okanye kwezondawo bahlala kuzo.

“Zininzi iindlela zokuxhaphaza kwaye
asikokubetha kuphela kodwa ukuthukwa nokwenziswa izinto ongazifuniyo
kukuphathwa gadalala oko,” utshilo.

Ukwathe, iHouse of Happiness ihlala ikhuthaza abantu
abadala ukuba xa benengxaki mabeze ngaphambili bangahlali nezinto ezibavisa
kabuhlungu.

“Silelikhaya asihambisani nabantu abaphatha
kakubi abantu kuba akekho umntu ofanele kukuhlala kakubi ngenxa yempatho
mbi”,utsho uHendele. 

Uthe amadoda okwenene akaphakamisi sandla
ngakubantu basetyhini kwaye akaxhaphazi abantwana abancinane ngokwesondo, koko
ayabakhusela. 

Kwelitheko bekukwakho uMbuyiseli Yali nonguceba wakwaWadi 7 nothe abantu, ingakumbi ulutsha kufanele luhloniphe abantu abadala
kuba maxa wambi lulo oluphatha gadalala abantu abadala. 

“Silapha nje
kungenxa yabantu abadala ngako oko kufuneka siqinisekise ukuba asibaphathi
gadalala”,utsho uYali.

Umemelele uluntu ukuba lize ngaphambili xa libona
ukuba liphethwe gadalala, kuba xa bethule banika amandla abo babaphethe kakubi
ukuba baqhubeleke.

“Xa uzakuphathwa gadalala wakugqiba uthule
lowo mntu ukuphethe gadalala uzakucinga ukuba ilungile into ayenzayo aqhubeleke
axhaphaze nabanye abantu,” utsho uYali.

USiphiwo Faliteni ongomnye wabantu abadala
balendawo uthe imbi kakhulu into eyenziwa ngamadoda athi aphathe kakubi
abantwana kunye nabasetyhini.

Uqhube wathi, “Ngamagwala amadoda lawo
avuyelela ukubetha umntu ongazukwazi ukuziphindisela nalawo athi abaxhaphaze
ngokwesondo.”

Ukwathe angaxola xa umthetho unokutshintsha indlela
osebenza ngayo ngakwabo bafunyaniswe bephatha gadalala abantwana nabasetyhini.

Omnye wabazali ebebkhona kulomcimbi uthe into
yokuphathwa gadalala mayingajongwa kakhulu ecaleni labantu abangamadoda kuba
bakhona abasetyhini abaphethe kakubi oomama babo.

“Mayiqwalaselwe lento madoda kuba
kweminye imizi kubi abantwana abangamantombazana baphethe kakubi oomama babo,”
utsho umzali.