Ifike phambi kwexesha iKrisimesi yabadala eNgcobo

USodolophu waseNgcobo uLizeka Tyhali neenkonde neenkondekazi zaseNgcobo. Umfanekiso: Malwande Mantshule

Iinkonde neenkondekazi
zaseNgcobo zonwabele ikrisimesi efike phambi kwexesha kulo nyaka, ebisingathwe
ngumasipala wale dolophu.

Usodolophu waseNgcobo
uLizeka Tyhali uthi zibaluleke kakhulu iinkonde neenkondekazi nanjengoko abantu
abaninzi bekhuliswe zizo yaye ukhuthaza ukuba abantu babathande babakhathalele
abantu abadala.

”Singumasipala waseNgcobo
siye sagqiba ukuba kubekho usuku esilubekela bucala sonwabise iinkonde
neenkondekazi zethu sizenzele ikrisimesi, sifuna bayazi ukuba bayathandwa
ziinkokheli zabo maxa onke hayi ngexesha leevoti nje kuphela. 

Njengokuba owona
mhla wekrisimesi ufika umasipala evalile sigqibe ukuba mayifike kwangoko
ikrisimesi ukuze ngalamhla wekrisimesi babe bonwabe neentsapho zapho emakhaya”
utshilo uTyhali.

KwiiWadi ezingamashumi
amabini zale dolophu kukhethwe abona bantu badala abathandathu iWadi nganye,
oyena mdala kubo bonke yinkondekazi enekhulu leminyaka idla amazimba. 

UTyhali
uthi kunyaka ozayo bazimisele ukulandisa eli nani wonke umntu omdala afumane
isipho. Uhambisa athi ”Sifuna ukuba abantu abadala bonwabe balibale ngeengxaki
zabo, ikrisimesi yimini yokonwaba, izipho kunye nezidlo ezimnandi yilento abaza
kuyifumana namhlanje”.

Ezi nkonde neenkondekazi
zifumene izipho zeminqwazi yelanga kunye neengubo, isidlo sikanokutsho sasemini
kunye nekeyiki abathe bayonwabela kakhulu. 

Ibe yimini yolonwabo olukhulu kubo
bejuxuziswa ziimvumi zomculo wokholo uBethusile Mcinga kunye noButho Vuthela.