IDowns ivule unyak’omtsha ngePirates emdlalweni obutak’ iintlantsi eLoftus Stadium!

Isathe ngcu phezulu iMamelodi Sundowns emva kokuba ibethe i-Orlando Pirates ng’1-0 enyakeni omtsha emdlalweni weDStv Premiership obutak’ iintlantsi eLoftus Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. UMandela Brian Onyango, odlala emva, ufake igowuli elenze umahluko emdlalweni omkhulu namhlanje ePitoli. Omabini amaqela edlale umdlalo osemgangathweni ophezulu njengoko bekulindelekile. Nangani kunjalo, iSundowns yeyona edlale umdlalo odibeneyo kwa kwisigaba sokuqala.

Yona iPirates iphakamise umdlalo wayo kwisigaba sesibini emva kokuba uJosef Zinnbauer enze iinguqu emdlalweni. UWayne Sandilands, oqale umdlalo endaweni kaRichard Ofori, ebengoyena nozinti obexakekile emdlalweni – kodwa naye uDenis Onyango usetyenzisiwe kakhulu yiPirates. Amaqela omabini ebenawo amathuba okuphumelela emdlalo, ingakumbi iSundowns ngoba yeyona ekwazileyo ukudala amathuba acacileyo. Ukungabethwa kwePirates emidlalweni elishumi elinantlanu kuphelile namhlanje.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns ihamba phambili ngegowuli elinye eqandeni emva kwesiqingatha ebesitshisa. Ibhola yeSundowns ifakwe nguMandela Brian Onyango emva kwebhola enzima egqithe kuWayne Sandilands ngomzuzu wamashumi amathathu anesine. Umdlalo utshise zisuka, Amasandawana ebequqa ebuyelela emhlabeni oyingozi wePirates – kodwa ebefika uSandilands ethe qwa.

UPeter Shalulile ngoyena umdlali obebakhathaza kakhulu abadlali beBucs basemva. ULebohang Maboe bekufanele uyibeke endaweni entle iSundowns kwangoko emdlalweni emva kokufumana ibhola entle kuShalulile – kodwa ngelishwa, iphume ecaleni. Emva koko iPirates izamile ukubuyela emdlalweni. UVincent Pule utsale imbumbulu yebhola ekude – kodwa ifike uDenis Onyango ethe ehleli. Umdlalo uye waphucuka ngokuhamba kwexesha – kodwa yiSundowns efumene igowuli kwisigaba sokuqala sesiphela.

Kwisigaba sesibini somdlalo, omabini amaqela athathe apho ayeke khona kwesokuqala. Ezimnyama zihlasele kuqala zisebenzisa uNtsikelelo Nyauza ekunene – kodwa ibhola yakhe iye yabanjwa nguDenis Onyango. UThembinkosi Lorch uphose ithuba lesibini lokubhalisa ebhodini ngethuba ekhabela ngqo ibhola kuDenis Onyango oyibethe ngamanqindi yaphumela ngaphandle.

Emzuzwini wamashumi amahlanu anesixhenxe, iPirates ihlangulwe nguNyauza engxakini emva kwebhola ethathwe nguThapelo Morena kuMaela endaweni embi kakhulu. Ihlasele nayo iPirates emva koko – ibhola yayo iphume ecaleni. UGabadinho Mhango, ongene kwisigaba sesibini somdlalo, wenze umahluko emdlalweni.

Isinde ngolambisa iPirates ngethuba ibhola kaKermit Erasmus ibetha epalini emva kokunikelwa ngobuchule nguShalulile. Emva komzuzu, uMorena uphantse wayonzakalisa iPirates – ngelishwa, ibhola yakhe iphume ecaleni. Ekugqibeleni kuphumelele iSundowns emva kokulikhusela igowuli elifumene kwangoko emdlalweni.