IDowns neChiefs ziza kuxhelana eLoftus

UEric Mathoho weKaizer Chiefs noLeandro Sirino weMamelodi Sundowns kumdlalo we2018 Shell Helix Cup phakathi kweKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns eFNB Stadium UMFANEKISO ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amaqela adlala kwiAbsa Premier Soccer League abuyela enkomeni kule mpelaveki emva kwekhefu leenyanga ezintathu.

Umdlalo ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola uphakathi kweMamelodi Sundowns neKaizer Chiefs ngo’15:00 ngoMgqibelo, eLoftus Versfeld Stadium, ekulindeleke igcwale.

Umdlalo wala maqela uza kutak’iintlantsi ngoba omabini afuna ukuvula isizini kakuhle.

Ngaphezulu kwayo yonke into, iChiefs iya ePitoli ifuna ukuphindisa emva kokubethwa kutshanje yiDowns ngo’2-1 kumdlalo weShell Helix Ultra Cup obubanjelwe eFNB Stadium.

Njengeentshatsheli, iDowns ifuna ukuyikhusela indebe yayo – kodwa iza kuvula isizini ngaphandle kweziqwayi zabadlali abafana noKhama Billiat noPercy Tau abahambileyo.

Akufanelanga isokole iDowns ngoba inabadlali abasezingeni eliphezulu abaninzi – kodwa ingxaki ingakhona kuba bengekaqhelani ngokupheleleyo.

Nakubeni kunjalo, uPitso Mosimane ubeke ithemba lakhe kuGaston Sirino – oyena mdlali onefuthe ngoku kwiDowns.

USirino ngumdlali onesiphiwo esingumangaliso sokudlala ibhola ekhatywayo, uyakwazi ukufaka amagowuli futhi ukhuthele.

Uzibonakalisile ngethuba iDowns ibetha iChiefs, nangethuba eyinceda idlala ne-AS Togo-Port ebethwe ngo’2-1 kumdlalo weCaf Champions League.

“Ndiyayithanda indlela adlale ngayo uSirino noxa ethanda ukunikela ngebhola naphambi kwepali. Ndinethemba lokuba uyakuqhuba kakuhle oko. Lithuba lakhe lokuziqaqambisa eli. Sasiyomthathela le nto eBolivia,” utshilo uJingles kutshanje.

Ukapteni weDowns, uHlompo Kekana, uthe umdlalo wabo neChiefs ubaluleke gqithi kwaye basebenza ngokukhuthala okukhulu xa beza kudlala nayo.

Kwelinye icala iChiefs iya kumdlalo wokuqala ifuna ukutshintsha izinto emva kokulambatha iisizini ezintathu zonke.

Amathemba wayo akuGiovanni Solinas ozifumeneyo iimpepha zokusebenza kule veki. Ukufika komdlali onjengoBilliat kulindeleke kwenze umahluko omkhulu kwiChiefs.

URamahlwe Mphahlele ucele abalandeli beqela lakhe ukuba banike uBilliat ithuba lokuzinza, watsho esithi basebenza ngokuzimisela enkampini phambi komdlalo wokuqala.

“Sinomqeqeshi omtsha. Inguqu ayilulanga – kodwa siyazama ukuqhelana nendlela afuna sidlale ngayo umqeqeshi,” utshilo uMphahlele.