Ifumene indawo ephezulu okokuqala iBelgium kwindebe yehlabathi

Players of Belgium react after winning the FIFA World Cup 2018 third place soccer match between Belgium and England in St.Petersburg, Russia, 14 July 2018. By: GEORGI LICOVSKI / EPA

Emva
komsebenzi omhle ukusukela ekuqaleni kwendebe yehlabathi, abadlali beBelgium
baza kuntingela ekhaya bencumile. Namhlanje iBelgium ifumene indawo yesithathu
kwindebe yehlabathi okokuqala kwimbali yebhola ekhatywayo emva kokubetha
iNgilane ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) kumdlalo obumhle kakhulu eSaint
Petersburg Stadium emalanga namhlanje. Nakubeni iBelgium igoduka ingayiphathanga
nje indebe yehlabathi eyiphose kancinci – kodwa uRoberto Martinez noTheiry
Henry, bazingomba isifuba futhi banebhongo ngenxa yomsebenzi owenziwe
ngabadlali babo kwi-2018 FIFA World Cup emva kwamalungiselelo aqala kwisithuba
seminyaka emibini edlulileyo.

Abaqeqeshi bamazwe
omabini baqale umdlalo wanamhlanje ngabadlali abaqhele ukubadlalisa. Umdlalo ubusezingeni
eliphezulu kwasekuqaleni kuba ilelo nelo ilizwe belifuna ukuna ukugoduka
libambe indawo yesithathu kwindebe yehlabathi futhi linento eliza kungena ngayo
ekhaya. Unozinti weNgilane ubonise ukukhalipha okukhulu kwindebe yehlabathi,
nakumdlalo wanamhlanje ebekwelinye izinga. Uvale ibhola enzima kwimizuzu
yokuqala emdlalweni umtshutshisi omkhulu, u-Eden Hazard, efun’intwibilapha. UThomas
Meunier uyibeke phambili iBelgium ngomzuzu wesine emva kokuvalela emnatheni
ibhola ethe gqi isuka kuNacer Chadli.

  Image may contain: 7 people, people smiling, outdoor 

Nakubeni AmaNgesi
ophise kwangoko emdlalweni – kodwa umdlalo wawo ubuphucukile kakhulu. Kuyiwe
kwixesha lokuphumla iBelgium ihamba phambili. UKavin de Bruyne no-Eden Hazard bazibonakalisile
ukuba ngabadlali abaphezulu. Impumelelo yeBelgium ingunozala wokusebenza kwabo
ngokuzimisela ngamaxesha onke. INgilane izamile nayo kwelayo icala nakubeni
iphoxwe kukungakwazi ukusebenzisa imbinana yamathuba ebimane ukuwafumana
emdlalweni. Igowuli lesibini eliwaqhokre amalungu AmaNgesi lifakwe nguHazard
ekuzeni kuphela komdlalo. IBelgium ithathe indawo yesithathu – yona iNgilane yabamba
indawo yesine. UGareth Southgate nabadlali bakhe abancinane baphoxekile
kukungafikeleli kwabo kumdlalo wokugqibela – kodwa umsebenzi abawenzileyo uzakuba
yinkuthazo. 

  Image may contain: 2 people, people playing sports and outdoor

Belgium: Thibaut Courtois, Jan Vertonghen, Vincent
Kompany, Teby Alderweireld, Nacer Chadli, Axel Witsel, Youri Tielemans, Thomas
Meunier, Eden Hazard, Romelu Lukaku, Kevin de Bruyne.

England: Jordan Pickford, Harry Maguire, John Stones,
Phil Jones, Danny Rose, Fabian Delph, Eric Dier, Ruben Loftus-Cheek, Kieran
Trippier, Harry Kane ©, Raheem Sterling.