Ifuna ukuya kwiSAB iYoung Pirates

Lizimisele ukudlala kakuhle iqela leYoung Pirates lasePort Alfred elizakube lithatha inxaxheba kwiSAB playoffs apho lizakube liqubisana namaqela amathathu.

Xa linokuphumelela eli qela lizakube lingaqali ukudlala kwiSAB nanjengoko likhe ladlala ngesizini ka2010/11 laza laphinda labuyela kwisigaba esingezantsi kweka 2014/15.

Umqeqeshi weli qela uLuvuyo Noyila uvakalise ukuba into eyabachanayo ngabadlali nanjengoko babengenabadlali kakuhle kunye nenkxaso athi zange bayifumane.

“Sizimisele ukubuyela kwiSAB nakanjani,” utshilo uNoyila.

Uveze ukuba ngethuba bedlala khona zange bayifumane inkxaso kwamanye amaqela alapha kuba ayengavumi nabadlali.

Uthi kweli tyeli bebebafumene, nto nje abazukwazi ukubasebenzisa ngenxa yemithetho nemiqathango ebekiweyo negxininisayo ukuba amaqela makasebenzise abadlali ababhalisiweyo kwiLFA.

Lo kaNoyila uthe amalunguselelo ale midlalo ahamba kakuhle, kwaye uyabathemba abadlali bakhe nanjengoko beyazi into elindeleke kubo ngokuphathelene nale midlalo.

Ukwamemelele uluntu lwalapha ukuba luphume ngobuninzi balo ukubaxhasa kuba abadlaleli nje bona bodwa kodwa bamele iPort Alfred ngokubanzi.

UMelikhaya Ngesi nongukapteni weli qela uthe, bengabadlali bayayazi into ekufuneka beyenzile ukubuyela kwiSAB, kwaye bazodlala ngokuzimisela ukuqinisekisa ukuba kuyenzeka oko.