Ifuna ukuziphindezela iBorder Bulldogs

Kuza kuqhawuka kuhlangana eMonti kule mpelaveki xa kudibana oomakad’ezondana kwibhola yombhoxo.

IBorder Bulldogs yamkela iCavalliers kumdlalo weSuperSport Rugby Challenge ozakube useBuffalo City Stadium ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngoLwesihlanu.

Umanejala wezonxibelelwano kwiBulldogs, uAkhona Mgijima, uthi baza kubuyisa isixhiba kwiBoland Cavalliers.

La maqelana anyathelana okwesibini kule sizini. Kumdlalo wokuqala, iCavalliers yaphumelela ngo’51-24 omhle.

UMgijima ufunge wamunc’ iintupha ngelithi ngeke ilibone elidlalayo kulo mdlalo wempelaveki.

“Sabethwa kukuba singazange silolonge kakuhle kumdlalo wethu odlulileyo. Amakhwenkwe awulambele ngeyona ndlela umdlalo. Sifuna ukuziphindezela kwaye siza kwenza kangangoko sinako ukuze siphumelele,” utsho uMgijima.

Le ndedeba ithi ukuphumelela kweBulldogs umdlalo kuza kuyibeka endaweni entle kwiSuperSport Challenge.

“Mine imidlalo eshiyekileyo, emithathu siyidlalela ekhaya. Kufuneka siqale siphumelele lo uzayo umdlalo. Ukuphumelela kwethu kuza kusibeka kwindawo yesibini kaPool South. Lo nto ithetha ukuthi siza kuya kumdlalo owandulela amagqibela kankqoyi,” utshilo uMgijima.

UMgijima ucela abalandeli bombhoxo ukuba baphume ngobuninzi babo bayokuxhasa iqela labo. “Ndihlaba ikhwelo kubalandeli bombhoxo ukuba baphume ngobuninzi babo bazokuxhasa iBulldogs,” utshilo.

Ibambelamqeqeshi leBulldogs, uTiger Mangweni, uthi kubalulekile ukuphumelela yonke imidlalo ekhaya.

IBulldogs ikwindawo yesibini, inamanqaku amane, kanti iCavalliers ineshumi elinesithandathu lamanqaku.

Omabini la maqela adlale imidlalo emine kule sizini.

“Mine imidlalo yethu eshiyekileyo kule tumente, emithathu siyidlalela ekhaya. Zisimisele ukuyiphumela yonke esiyidlala ekhaya ngoba sifuna ukuhlala kwindawo yesibini kwiPool South,” utshilo uMangweni.