Igalelekile isizini entsha yePSL ka-2017/18

UThemba Zwane weMamelodi Sundowns kunye noSandile Zuke weChippa United

Emva kokuphumla kwamaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League isithuba esingaphaya kweenyanga ezimbini zonke, ngoku kufike ixesha lokuba abuyele enkomeni kwakhona.

Emva kwekhefu, abaphathi bamaqela nabaqeqeshi bazenzile iinguqu kumaqela abo ngokwahlukana kwawo, injongo ikukuqinisekisa okokuba amaqela avelisa iziphumo ezingcono kwisizini ka’2017/18.

Phantse bonke abalandeli bazibuza umbuzo: Ingaba iBidvest Wits ingayiphinda na la nto iyenze kwisizini egqithileyo?

Akukho mpendulo ichanekileyo nekhawulezileyo – kodwa ngaphandle kwamathandabuzo uGavin Hunt uzimisele ukuyikhusela indebe efunyenwe liqela lakhe.

Oku kucaciswe gca luhlobo lwabadlali uHunt abathengileyo. Ngaphandle kweWits, wonke ubani ufuna ukubona ukuba iKaizer Chiefs, iMamelodi Sundowns ne-Orlando Pirates zizakuqhuba njani kule isizini.

UPitso Mosimane wathi uyayazi apho ikhoyo indebe futhi uzakuyoyithatha. Yindoda erhubukileyo kwicala lokudlala imidlalo yeCaf emva kokuphumelela iCaf Champions kunyaka ophelileyo – iDowns izakube iphakathi kwamaqela alwela indebe.

Amakhosi kunyanzelekile enze ngcono kule isizini emva kokwenza kakubi iisizini ezimbini zonke phantsi kukaSteve Komphela.

Nangona iqhube kakuhle kwimidlalo yokulungiselela isizini – kodwa ukubethwa kwayo yiSuperSport United ngo’1-0 kumdlalo weMTN8 kubonisile ukuba isekhona into efuna ukulungiswa.

Amabhakaniya aseneentloni emva kokuvala isizini ekwindawo yeshumi elinanye okokuqala ukusukela mhla kwasungulwa iPSL.

Phantsi komqeqeshi omtsha kulindeleke uba iPirates yenze ngcono.

IChippa United lelinye lamaqela anomtsalane ebantwini – kodwa elithe labethakala kwisizini ka’2016/17.

Usihlalo walo, uSiviwe Mpengesi uxelele oonondaba kutshanje okokuba uthenge abadlali abatsha kuba efuna ukulungisa okwenzekileyo kwaye okwakhe ukwenzile, into ikubadlali nakumqeqeshi.

Abadlali abafana noBrighton Mhlongo, uMark Mayambela noKurt Lentjies bazakuwenza umahluko kwiChippa. Into efunekayo kukufaka amagowuli futhi iphumelele imidlalo yayo esekhaya.

Imidlalo yePSL:

NgoLwesihlanu: Bidvest Wits vs Cape Town City @Bidvest Stadium 20:00

NgoMgqibelo: Polokwane City vs Baroka FC @Old Peter Mokaba Stadium 15:00; SuperSport United vs Mamelodi Sundowns @Lucas Moripe Stadium 15:00; AmaZulu FC vs Free State Stars @King Zwelithini Stadium 15:00; Orlando Pirates vs Chippa United @Orlando Stadium 18:00; Ajax Cape Town vs Golden Arrows @Cape Town Stadium 20:15

NgeCawe: Platinum Stars vs Maritzburg United @Royal Bafokeng Stadium 15:00; Bloemfontein Celtic vs Kaizer Chiefs @Free State Stadium 15:00