Ihlatyaniselwe ngembumbulu yabhubha imbethimanqindi yaseMpuma Koloni

Abalandeli bamanqindi bashiyeke bekhwankqisekile emva kokubulawa kwembethimanqindi elinenekazi yaseMpuma Koloni egama linguLeighandre Baby Lee Jegels. Iingxelo zamajelo endaba zithi uBaby Lee, 25, ubhubhe emva kokudutyulwa ngumntu ekurhanelwa ukuba yindoda elipolisa abethandana nayo. Isiganeko senzeke izolo (Lwesihlanu) emva kwemini endleleni eya eMonti. Umfanekiso: Facebook/Boxing SA

Abalandeli
bamanqindi bashiyeke bekhwankqisekile emva kokubulawa kwembethimanqindi
elinenekazi yaseMpuma Koloni – egama linguLeighandre “Baby Lee” Jegels. Iingxelo
zamajelo endaba zithi uBaby Lee, 25, ubhubhe emva kokudutyulwa ngumntu
ekurhanelwa ukuba yindoda elipolisa abethandana nayo. Isiganeko senzeke izolo (Lwesihlanu)
emva kwemini endleleni eya eMonti. Abasemfuthweni wolwazi bathi umrhanelwa
udubule nonina kaBaby Lee, uNksz. Rita Jegels, izihlandlo eziliqela ogcuma
ziintlungu esibhedlele saseMonti. Isiganeko sokubulawa ngolunya kukaLee sothuse
abantu abaninzi macala onke elizwe abathe badlulise amazwi ovelwano wabo kumakhasi
onxibelelwano afana noTwitter noFacebook. Ingxelo ekhutshwe ngumbutho olawula amanqindi,
uBoxing SA, ithi uBaby Lee nomama wakhe bebesuka ekhayeni labo besiya
eMdantsane – apho [uBaby Lee] azilolonga khona. Konke oku kwenzeka kukho umlo
obucwangciselwe uBaby Lee ngomhla wesithandathu kwinyanga engaphaya kwezayo kulo
nyaka (2019).

UBaby Lee
waqala ukubetha amanqindi kwinqanaba eliphezulu ngo-2014. Uye wayintshatsheli yeSA
Junior Bantamweight emva koko wayeyeWBA Pan African Junior Bantamweight. Usihlalo
weBoxing SA, uMnu. Malefetsane Peter Ngalane, uvakalise ukothuka nokunxungupha
kwakhe sisehlo esimasikizi ekubulewe kuso imbethimanqindi ebinekamva
elithembisayo kakhulu emanqindini waseMpuma Koloni. “Icandelo lomdlalo
wamanqindi likhathazekile ngenxa yokusweleka kukaBaby Lee. Eyona nto
enxunguphalisa ngakumbi yindlela abhubhe ngayo kanye ekupheleni kwenyanga
ekuhewulwa ngayo ukuphathwa kakubi koomama. Egameni labantu bonke emanqindini,
sithi akuhlanga lungehlanga,” itshilo ingxelo ekutshwe yiBoxing SA namhlanje
ekuseni. Iingxelo ezivakele ekuseni nje zithi umrhanelwa unqakulwe waphoswa
ngaphaya kwezitshixo ngamapolisa emva kokumbamba endleleni yaseNgqushwa.