Iingxaki ezijongene noNtseki zibukhali macala

Molefi Ntseki, coach of South Africa with Thulani Hlatshwayo during the 2021 Afcon Qualifiers match between South Africa and Sudan at the Orlando Stadium, Soweto on the 17 November 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Yiminyaka elishumi ukusukela oko uMzantsi Afrika wagqibela ukudlala kwindebe yehlabathi.

Enye yezinto ezibangela aBafana Bafana banikelwe umva ngabalandeli bebhola kukungakwazi kwabo ukuya kwiitumente zehlabathi emva kwaleya yayilapha eMzantsi Afrika ngo2010. Zange bakwazi ukuya eBrazil kanti baphosiwe yebiseRussia ngo2018.

Umqeqeshi omtsha waBafana Bafana, uMolefi Ntseki, uneengxaki ezimbini ezibukhali macala ezinokuthi zimxabanise nabantu beli lizwe ukuba akakwazi ukuzisombulula.

UNtseki kufuneka athathe iqela lesizwe alise kwiNdebe yeHlabathi nakweyeAfrika.

Ukuba akakwazi ukwenza enye kwezo zombini, uya kubalwa phakathi kwabaqeqeshi abangakwazanga ukwenza umahluko kwiqela lesizwe. ABafana Bafana bajongene namazwe athanda ukubasokolisa kakhulu.

Kodwa kuko konke oko, into enokuthi ibuyisele isidima sabo kukuya kwiNdebe yeHlabathi. Kutshanje, kuye kwathelekiswa amazwe aza kudlala imidlalo ehlakulela itumente yehlabathi.

UMzantsi Afrika uthelekiswe neZimbabwe, iEthiopia neGhana.

KuGroup F, linye ilizwe eliza kumela iAfrika kwiNdebe yeHlabathi.

UNtseki ubone iGhana, ebethe aBafana Bafana ngo’2-0 emdlalweni ohlakulela iAfcon njengelona lizwe elingumqobo endleleni yeqela lakhe.

“Ukuze sikwazi ukuya kwindebe yehlabathi, kufuneka sikwazi ukubetha oompondozihlanjiwe,” utshilo uNtseki emva kokuthelekiswa kwamazwe agacele indawo eQatar. IGhana lelona lizwe elibhetele kunoMzantsi Afrika (kuGroup F) ngoba yona ikuqhelile ukudlala kwiAfcon nakwindebe yehlabathi. Lo nto ithethe ukuthi kufuneka babhinqe omfutshane abadlali bakaNtseki xa bedibana nayo.

“Siye silindele ukuthelekiswa namazwe aphambili ebholeni yehlabathi. Sifumene iGhana ekufuneka sidlale nayo kane. Yonke imidlalo elandelayo inzima – kodwa kufuneka sibe nesicwangciso somdlalo ngamnye. IGhana liqela eliphambili eAfrika; siyazi ke ukuba kufuneka siyibethe ukuze sikwazi ukufumana indawo kwindebe yehlabathi. Ingase abadlali bethu bangonzakali ngoba sibadinga bephilile emidlalweni yethu ezayo,” utsho uNtseki ogxeleshe ukubetha iGhana, iSao Tome neSudan emidlalweni eya kuthi ityhile indlela eya kwindebe yehlabathi.