Iintshatsheli zaseTsomo zinqwenela ukuya kwiSasol League!

Kunzima ukwakha iqela lebhola ekhatywayo lamanenekazi. Kunzima ngakumbi xa ulakha ezilalini ngoba kunqabe kwa iindawo zokudlalela futhi kube nzima nokufumana abadlali ngenxa yemo yentlalo yale mihla. Amanenekazi afana noNomakhwezi Dlali atyhala ngesifuba enethemba lokuguquka kwezinto ngenye imini. Nangona iTsomo iyidolophi encinci ingenawo namabala asemgangathweni – kodwa ityebile kwezemidlalo kakhulu. Umdla wabantu abatsha emidlalweni entlobontlobo iyamangalisa. Kwiveki ephelileyo, ulutsha belubuthelene kwindawo ekuthiwa yiTsomo Mission – apho bekubanjelwe khona itumente yamanenekazi adlala ibhola ekhatywayo. Amaqela athathe inxaxheba ngala: yiKhwezi Ladies, iVutha Ladies, iFuture Stars nePioneer Ladies.

Emidlalweni yokuqala, iKhwezi FC ibethe iVutha FC kumapenela ngo’3-1 emva kokubambana ngo’1-1 emdlalweni. Yona iFuture Stars ivuthulule iPioneer ngo’6-0 emdlalweni wesibini. Emdlalweni wokutshayelela owokugqibela, iVutha FC ibethe iPioneer ngo’1-0. Kungene oompondozihlanjiwe kowokusonga usuku olubalulekileyo ngumdlalo omhle obuphakathi kweKhwezi FC neFuture Stars. Emva kokuswantsulisana emdlalweni wokugqibela weTsomo Ladies Tournament, iKhwezi iphakamise indebe emva kokubetha iFuture Stars ngo’3-1. Amagowuli ephumelele ngawo iKhwezi afakwe nguBoni Thandikazi noSimi Mhlali. Ibikokwesibini iKhwezi ithatha indebe kwitumente yaseTsomo edinga inkxaso koosomashishini.

Ethetha neli phephandaba, uNomakhwezi Dlali, uvakalise uchulumanco olukhulu – kodwa wayiveza indlela ekunzima ngayo kubo manenekazi anomdla ebholeni ekhatywayo. “Ngaphandle kokusokola ukuqokelela abadlali nokuswela kwabo izihlangu zokudlala, ndingatsho ndithi ndonwabile. Iqela lam liyathembisa noko. Kokwesibini siphumelela indebe yale tumente futhi ndingatsho ukuba ikamva labadlali bam liqaqambile. Impumelelo iza kubakhuthaza abadlali ngoba eyona nto esiyifunayo kukuba badlale kwiSasol League. Okwangoku badlala kwiChris Hani District nangona iinengxaki zayo,” utshilo uDlali oqeqesha iKhwezi FC.