Ilahle amanqaku iPirates bashiyeka bethe khunubembe abalandeli bayo

Chris David during the Absa Premiership 2018/19 game between Cape Town City and Orlando Pirates at Athlone Stadium in Cape Town on 4 May 2019 © Bertram Malgas/BackpagePix

Bathe
khunubembe abalandeli be-Orlando Pirates emva kokuba iphise ngamanqaku
emdlalweni ebeza kuyinceda kwiinzame zayo zokuphumelela indebe ye-Absa Premier
Soccer League. IPirates ibambene neCape
Town City

ngo’2-2 emdlalweni obunzima e-Athlone Stadium ngale njikalanga. Ukungaphumeleli
kwePirates emdlalweni wanamhlanje kuthetha ukuthi yiMamelodi Sundowns enethuba
elihle lokukhusela indebe yePSL ngoba isenemidlalo emebini engekayidlali kwaye
iyalingana nePirates ngamanqaku.

Kwelinye icala,
iKaizer Chiefs ibambene ngegowuli elinye macala (1-1) neFree State Stars ezama
ukubaleka izembe. Yona iMaritzburg United iwandisile amathuba wayo wokuhlala
kwiPSL noxa isahleli emsileni ngokubetha iSuperSport United ngo’3-1. Nayo
iChippa United ilwe kwamdaka iisali eLimpopo – apho iphumelele ngo’3-1 ibetha
iPolokwane City. AmaZulu abethwe yiBlack Leopards ngo’1-0. Iphumelele ngo’3-1
iBidvest Wits ibethe iBaroka FC ejingelwa lizembe. Yona iHighlands
Park
ibethe iBloemfontein
Celtic ngo’1-0.