IMamelodi Sundowns iphumile kwiCAF Champions League

Ismail El Haddad of Wydad tackled by Tiyani Mabunda of Sundowns during the 2018/19 CAF Champions League football match between Sundowns and Wydad Casablanca at Lucas Moripe Stadium, Pretoria on 04 May 2019 ©Gavin Barker/BackpagePix

Ngelishwa
lomhluzi wamanqina, izinto aziyihambelanga kakuhle emdlalweni wanamhlanje.
Amasandawana, abenethemba lokudlala emdlalweni wokugqibela weCaf Champions
League, aphumile emva kokubambana neWydad Casablanca
ngeqanda macala emdlalweni obuseLucas Moripe Stadium ebigcwele ichichima
ngabalandeli bebhola ekhatywayo. Iqela laseMorocco liya kumagqibela-kankqoyi
weChampions League emva kokuba ibethe iSundowns ngo’2-1 emdlalweni odlalelwe
ebaleni layo kwiveki ephelileyo.

Akukho nto
ingakho yenzekileyo kwisigaba sokuqala ngoba omabini aye kwixesha lokuphumla
kungekho elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. UHlompho Kekana noGastin Sirino
bazamile ukutyhala – kodwa abadlali beWydad bavale kwade kwase kugqibeleni.
Iziphumo zomdlalo obuseLucas Moripe Stadium zithetha ukuthi iSundowns
iyakuphinda izame kwixesha elizayo.