Ilwela indawo yokuqala kwakhona iPondo Chiefs

IBizana Pondo Chiefs igxeleshe ukunyukela kwindawo yokuqala kumjikelo wesibini weABC Motsepe League.

IPondo Chiefs izenzele igama kwisizini ephelileyo ngethuba ikhuphisana neTornado FC nePE Stars ngendawo yokuqala kwiMotsepe League.

Kodwa ngelishwa layo, intshinga yaphunyelelwa yiTornado FC ebhangileyo kunyaka ophelileyo.

Usihlalo weChiefs, uNkosinathi Mqokiyana, uxelele eli phephandaba okokuba iqela lincwase indawo yokuqala kwisigaba sesibini kule sizini.

NgoMgqibelo odlulileyo, iChiefs ivule unyaka ngokunyukela kwindawo yesine emva kokuba ithwaxe iBirmingham City FC ngamagowuli amane eqandeni (4-0). Ezo ziphumo ziyisuse kwindawo yesithandathu zayibeka kweyesine, ngoku inamanqaku angamashumi amabini anesihlanu emva kwemidlalo elishumi elinesine.

IChiefs ijonge ukunyusa umxakatho ngakumbi kumjikelo wesibini wesizini eqhubekayo.

“Kuzo zonke iisizini, sidlala ngokuzimisela ngoba sifuna impumelelo. Nakule isizini siza kuyilwela indawo yokuqala,” utshilo uMqokiyana.

Kanti kwelinye icala, iMatta Milan yaseDutywa iphose ithuba lokubuyela kwindawo yokuqala emva kokuba idlale ntanganye ngo’1-1 neSpear of the Nation.

Omabini la maqela ebesethubeni lokunyukela kwindawo yokuqala ngempelaveki ngoba ebefuthela emagxeni weBush Bucks FC.

Sihleli kwindawo yesibini iSpear of the Nation ngamanqaku angamashumi amabini anesixhenxe lo gama yona iMatta Milan ikwindawo yesithathu ngamanqaku angamashumi amabini anesithandathu, ishiywa ngenqaku elinye yiBucks FC emva kweziphumo zemidlalo egqithileyo.

Imidlalo yeABC Motsepe League:

Amavarara adlala neBirmingham City FC, iBhisho Stars idibana neYaka United, iBush Bucks neSwartkops Valley United Brothers, iBush Pirates idlala neSpear of the Nation, iHighbury neSibanye FC, iMatta Milan yamkela iPeace Makers, uze wona uMthatha Bucks udlale nePE Stars.