IMorocco neDR Congo zigxeleshe umjikelo olandelayo

UNabil Dirar weMorocco noBebou Ihlas weTogo ngethuba kudlalwa umdlalo kaGroup C we-2017 African Cup of Nations, e-Oyem Stadium, eGabon. Umfanekiso: ©Gavin Barker/BackpagePix

Ngokuya kuhamba iintsuku, umgangatho wemidlalo ye-2017 Afcon uya ukhula. Kwimidlalo kaGroup C edlalwe izolo ebusuku, iMorocco ivuthulule iTogo ng’3-1 kumdlalo obuvutha bhe eStade d’Oyem. Kulo mdlalo iMorocco ikhumbuze abantu abaninzi izinto eyayifudula izenza kwiminyaka eyadlulayo ngethuba igqagqanisela iTogo ebinenkani kodwa ebethiswe ziimpazamo zayo ezincinci.

Kanti yiTogo engcangcazelise umnatha kuqala ngebhola efakwe nguMathieu Dossevi ngomzuzu wesihlanu umdlalo uqalile. Kuthe kwimizuzu elishumi elandelayo, yafaka elokulinganisa iMorocco ngonyawo luka-Aziz Bouhaddouz.

Lo magowuli awuvule ngakumbi umdlalo ngoba khange ayeke ukuleqane la mazwe mabini. Kuthe kwimizuzu nje emihlanu emva kwegowuli lokulinganisa, uRomain Saiss ufake igowuli lesibini leMorocco ngentloko. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kubonakala ukuba kuninzi okusezayo futhi ezimisele omabini la mazwe.

Kwisiqingatha sesibini umdlalo ubumhle, udlalwa ngesantya esiphezulu – kodwa amathuba amaninzi avelileyo akasetyenziswanga kakuhle macala omabini. Ingcwayi-ngcwayi yefolosi yeTogo edlale kakuhle kule tumente nangona ingekafumani nto phantsi kwegama layo, u-Emmanuel Adebayor, izamile ukufaka amagowuli kodwa iinzame zayo aziphumelela. UYoussef El-Nsyri nguye ofake igowuli lesithathu leMorocco.

Kwalapha kuGroup C, iDemocratic Republic of Congo, izibekele indawo kumjikelo olandelayo we-2017 Afcon emva kokudlala ntanganye ngo’2-2 ne-Ivory Coast ngokuhlwa izolo eStade d’Oyem.

Amagowuli weCongo afakwe nguNeeskens Kebano noJunior Kabananga ofake igowuli lakhe lesibini kule kumente yezwekazi le-Afrika, kanti awe Ivory Coast afakwe nguWilfried Bony noSerey Die.

Iintshatsheli ze-Afrika (Ivory Coast) ezikhuselayo zisengxakini ngoba azikaphumeleli nomnye umdlalo neTogo – kwaye kukhangeleka ngathi ngala mazwe omabini azakutyatha iitasi zawo agoduke kwiveki ezayo.